1. NgokweSiqendu 3(4)(l) no-7 soMthetho woMgaqo-nkqubo weMfundo, 1996, (uMthetho No. 27 ka-1996) neziQendu 6(A) no-61 zoMthetho weziKolo waseMzantsi Afrika (South African Schools Act) (uMthetho No. 84 ka-1996), uMphathiswa weMfundo, ngokuthetha-thethana neBhunga labaPhathiswa beMfundo, uluvumile uxwebhu lomgaqo-nkqubo (olubhengezwe kwiGazethi kaRhulumente iNombolo 27819 yowe-20 Julayi 2005) oluchaza imigaqo, imimiselo nemiqathango emalunga nokukhutshwa kweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) seNqanaba 4 se-National Qualifications Framework.
2. Bonke abafundi abakwiBakala 10 ngo-2006 baya kwenza izifundo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) kumaBakala 10–12 (kwiZifundo eziQhelekileyo – (General)). Eli qela labafundi abangoontanga, liya kuba liqela lokuqala ukususela kuDisemba 2008, ukuba linikwe iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukuba ngaba liye laphumelela ukufikelelela kwiziphumo zenqanaba lokugqibela ezicaciswe kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) amaBakala 10–12 (kwiZifundo eziQhelekileyo).
3. Abafundi abasisigxina, nabangesosigxina, nabafundi babucala baya kwenza esi siqinisekiso.
4. Abaviwa beMatriki abangaphumelelanga kuviwo lweMatriki ngo-2007 nabafundi abangesosigxina abasele bebhalisele iSatifikethi seMatriki baya kunikwa ithuba kude kube nguMatshi 2011 ukuze bagqibezele iprogram yeSatifikethi seMatriki. Zonke izifundo zeSatifikethi seMatriki eziphunyelelwe ngaphambi kuka-2006 ziya kuthathelwa ingqalelo ukulungiselela ukukhutshwa kweSatifikethi seMatriki kude kube nguMatshi 2011.
5. Akuyi kuphinde kubhaliswe bafundi batsha abasisisgxina okanye abangesosigxina kwiBakala 10 kuzo nakweziphi na izifundo ezithathwe kwi-Report 550 (uluhlu lwezifundo ezifundiswa njengangoku kwiSatifikethi seMatriki) ukususela nge-1 Januwari 2006.
6. ISebe leMfundo kuzwelonke lazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba liza kuzithumela ezikolweni iikopi zalo mgaqo-nkqubo mtsha ungeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Luxanduva lweentloko zamaziko ukuba zikwazi okuqulethwe ngulo mgaqo-nkqubo mtsha zize zazise zonke iititshala nabafundi beBakala 10, ngalo mgaqo-nkqubo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:17