1. IMIBA NGOKUBANZI
1.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liziva linochulumanco ukuba lenze isaziso sokuba uWoolworths uza kukhupha iibhasari ezimbini kwizifundo zefashoni okanye ze-textile design and technology njengenye yeendlela zokubonisa ukuqhubeka nokuzimisela kwakhe ekuxhaseni imfundo engokusika impahla yefashoni.
1.2 Iibhasari zezeminyaka emithathu elandelelanayo yokwenza izifundo, ukususela ngo-2006 kuye ku-2008, kwaye ngabafundi bebakala 12 abangabaviwa beMatriki abenza izifundo zobugcisa nokusika impahla yefashoni, abafanelekileyo ukufaka isicelo. (Jonga isiHlomelo A malunga neenkcukacha)
1.3 Ixabiso lebhasari nganye ngama-R75,000. Esi sixa-mali sebhasari siya kuhlawulwa ngezigaba njengoko umfundi eqhubela phambili ngempumelelo kule khosi iminyaka mithathu, o.k.t. ama-R25,000 ngonyaka ngamnye kulowo uphumeleleyo ukufumana ibhasari.
1.4 Abaphumelele ibhasari baya kucelwa ukuba bafunde eCape Peninsula University of Technology (CPUT).
1.5 Ophumelele ibhasari kufuneka anelise zonke iimfuno zokuba amkelwe njengomfundi eCPUT.
1.6 Bonke abafake izicelo zebhasari mabathathe inxaxheba kwinkqubo yokhetho ezigaba zithathu.
1.7 Kuzo zonke izigaba zenkqubo yokhetho, izigqibo ziya kuba zezokugqibela, zingabi nakujikwa.

2. IMIQATHANGO YOKUKHUTSHWA KWEBHASARI
2.1 Iibhasari ziya kukhutshwa ngolu hlobo lulandelayo:
  • Ibhasari enye evuleleke kubo bonke abafake izicelo

  • Ibhasari enye evuleleke kubo bonke abafake izicelo abaswele iimali

2.2 Zombini ezi bhasari ziya kukhutshwa ngokujonga ukuphakama komgangatho wobuchule kuphela, kwaye akuyi kujongelwa phantsi ukuqaqamba komsebenzi owenziweyo.
2.3 Abaphumelele ibhasari baya kunyanzeleka ukuba bazuze amava engqesho kwa-Woolworths ngethuba lezifundo zabo.
2.4 Xa bathe bagqiba ngempumelelo izifundo zabo, abo babini baphumelele iibhasari baya kuqeshwa ngemvumelwano ngu-Woolworths ngokupheleleyo ithuba elilingana nelo lokuqhubeka kwekhosi, o.k.t. iminyaka emithathu.
2.5 IsiHlomelo A sinika ingcaciso ebanzi malunga nenkqubo yokhetho.
2.6 Ootitshala beBakala 12 bezifundo zobugcisa nokusika impahla yefashoni mabaqwalasele ngakumbi kuMhlathi 1: INkqubo yoKhetho yangaPhakathi noMhlathi 5: Ixesha elisikiweyo, ukwenzela ukuba bakwazi ukuqhubeka ngoko nangoko nokuchonga abo bathathu bagqwesileyo kwabo bafake izicelo, nabaya kugqithela phambili kwisigaba esilandelayo sale nkqubo.
2.7 Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zihambise le setyhula kootitshala beBakala 12 abafundisa izifundo zobugcisa nokusika impahla yefashoni kwiMatriki.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:19

Isihlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)