1. Emva kwekhosi yokuqhelaniswa nezifundo yootitshala beBakala 7, izikolo zixakekile zilungiselela ukuqaliswa kweNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke (Revised National Curriculum Statement (RNCS) kwiBakala 7 ngoJanuwari 2006. Imizekelo yamaxwebhu ezicwangciso yadraftwa ngethuba lenkqubo yokuqhelaniswa nezifundo ukuncedisa ootitshala. La maxwebhu angumzekelo nje kuphela akangomaxwebhu angumgaqo-nkqubo. Ayimifuziselo engagqibelelanga yokuba ungazicwangcisa njani izifundo, kuba ayishiyelele imeko yesikolo ekufuneka ifakiwe kwisicwangciso.
2. Okuqhotyoshelwe apha ngumzekelo weprogram yesifundo sesiXhosa njengoLwimi lokuQala oLongezelelweyo (Xhosa First Additional Language learning programme) yeBakala 7. Le program yesifundo sesiXhosa yongezelela kwiiprogram zezifundo esezibonelelwe kwangaphambili. Iveliswe ngootitshala abafundisa ezikolweni nangamagosa ezekharityhulam yaye ifikelela kuzo zonke iziphumo zokufunda ezifunekayo kwakunye nemigangatho yovavanyo kule nkalo yesifundo.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ootitshala beBakala 7 besiXhosa njengoLwimi lokuQala oLongezelelweyo bayayilungisa le program yesifundo ukuze ifanele imeko yesikolo sabo.
4. Izikolo ezifuna ezinye iikopi zale program yesifundo zingazifumana ngexabiso lokuveliswa kwayo kwaEdumedia, ngale foni (021) 689 9536 okanye ngale dilesi ye-imeyili: edumedia@pgwc.gov.za ).
5. Lo mzekelo ukhutshwa ngenjongo yokukhuthaza izikolo ukuba zikhuthaze ukufundwa kolwimi lwesithathu kwiSigaba seMfundo noQeqesho Jikelele (GET Band)


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10: 06


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).