1. Iincwadi zabafundi zokusebenza zeBakala 9 ezizi-World of Work zikulungele ukuba zithathwe. Izikolo ziyacelwa ukuba zithathe ngokhawuleza iibhokisi ekukho kuzo iincwadi eziza kunikwa umfundi ngamnye weBakala 9, kwi-EMDC echaphazelekayo.
2. Incwadi yokusebenza, efumaneka ngesiNgesi nangesi-Afrikansi, inekhweshine nemisebenzi ecetyiswayo yovavanyo kusetyenziswa uthotho lweentlobo ngeentlobo zovavanyo. Xa abafundi besenza le misebenzi, kuya kubanceda ukuba bakwazi ukwenza izigqibo benolwazi malunga namakhondo emisebenzi kunye nezifundo abazikhethayo. Le misebenzi iya kuba yinxalenye yomsebenzi wephothifoliyo yezifundo zoLwazi ngoBomi.
3. Iprogram i-PACE yenye yeeprogram zenkxaso iSebe leMfundo leNtshona Koloni eliye laziqalisa ukuphucula izinga lobungakanani bezinto ezincedisa ukufunda kubafundi neziya kuthi zibakokhelele ngempumelelo kumathuba okuqhubela phambili nemfundo kunye nawengqesho. Apho bathe abafundi baboniswa ngempumelelo kwiinkqubo zePACE, nokuba zisemaphepheni na okanye zisekhompyutheni, kukho ubungqina bokuba ezi nkqubo zisisixhobo esiluncedo kakhulu ekuncedeni abafundi kule nkqubo ingundoqo yokwenziwa kwezigqibo.
4. Izikolo ke ngoko ziyakhuthazwa ukuba ziwubeke phambili kakhulu lo mba wokujolisa kwiincwadi ze-World Of Work kwiNkalo yezifundo zoLwazi ngoBomi kwiBakala 9 zize zinike abafundi inkxaso eyimfuneko xa besebenzisa ikhweshine yePACE enezinto abanomdla kuzo, kwakunye nemisebenzi yasemva koko.
5. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise ngokukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bezifundo zoLwazi ngoBomi abachaphazelekayo. Isihlomelo esiqhotyoshelwe apha sichaza amagama abo bantu kunokuqhagamshelwana nabo xa kuthathwa ezi ncwadi kwi-EMDC. Ukuba ufuna iinkukacha ezingaphezulu nceda qhagamshelana noMs BJ Prince, oyi-PACE Project Manager, kwaNdlunkulu ngefeksi: 021 467 2258, ngefoni: 021 467 2632 okanye nge-imeyili: bprince@pgwc.gov.za okanye Ms D Christiaans, umCwangcisi oyiNtloko weKharityhulam: iziFundo ngeBomi kwaNdlunkulu, ngemfonomfono: 021 467 2589 okanye nge-imeyile: dchristi@pgwc.gov.za.
6. Siya kuyivuyela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:10

Isihlomelo A  (ubukhulu: 5 KB)