1. Umbono weSebe leMfundo leNtshona Koloni wesiCwangciso seMathematika, iSayensi neThekhinoloji (MST) ngowoluntu olunolwazi ngesayensi, olukwazi ncam ukusebenzisa ithekhinoloji nolunolwazi ngemathematika. Kubalulekile ke ngoko ukuba kuxhotyiswe abantu ukuba bathathe inxaxheba kuqoqosho oluhlumayo olusekelwe kulwazi ukuze kuxhaswe uphuhliso oluzinzileyo lwexesha elide. ISebe i-WCED, ngokubambisana nendlu yowiso-mthetho eNtshona Koloni nabanye abathathi-nxaxheba, lizimisele ukwandisa inani labafundi abathatha iMathematika neFizikhali Sayensi ngeHlelo eliPhezulu (Higher Grade), ingakumbi abafundi abavela kumacandelo oluntu olunabantu abambalwa abalumeleyo (under-represented) ekufikeleleni kule njongo.
2. Njengangoku, limalunga ne-11% kuphela inani labafundi beBakala 12 ababhalisela iMathematika baze bayipase ngeHlelo eliPhezulu. Le theyibhile ingezantsi apha inika amanani ale minyaka mi-3 igqithileyo:
Abafundi abathatha iMathematika ngeHlelo eliPhezulu   
Unyaka200220032004
Abangenele iSatifikethi seMatriki38 11738 75038 896
Abangenele iMathematika kwi-HG4 1194 4465 093
Abapase iMathematika kwi-HG 3 6793 9384 268
% Yabangenele i-HG10.8111.4713.09
% Yabapasileyo ku-HG9.6510.1610.97

Le pesenti isezantsi ithintela ukuvuleleka kwenani lamathuba amakhondo emisebenzi avuleleke kubafundi beMatriki kunye nakuphuhliso loqoqosho lwethu.

3. UKUBEKA IITHAGETHI
3.1 Injongo yethu kukuqalisa ngezicwangciso zokungenelela ngoncedo ukuze kuphinda-phindeke inani labafundi abathathe iMathematika neFizikhali Sayensi ngeHlelo eliPhezulu kunyaka ka-2004 ngonyaka ka-2007. Kubaluleke ngokukodwa ke ngoko ukuba kuqinisekiswe ukuba abafundi abathatha ezi zifundo njengangoku ngeHlelo eliPhezulu kwiBakala 10 - 12 banikwa inkxaso ngokupheleleyo ukwenzela ukubakhuthaza ukuba baqhube ngeHlelo eliPhezulu yaye bazipase ezi zifundo kweli nqanaba ekupheleni kweBakala 12.
3.2 Ithagethi ku-2005 yeyokuba bonke abafundi mabapase iMathematika neFisikhali Sayensi kwelo bakala bangene kwisifundo ngalo ekuqaleni konyaka. Izikolo mazinike inkxaso engaphezulu abafundi abakufumana kunzima ukupasa iHlelo eliPhezulu (HG), kunokuba abafundi batshintshele kwiHlelo eliPhakathi (SG).
3.3 Ziyacelwa izikolo ukuba zikhuthaze abafundi ukuba bakhethe iMathematika kangangoko kunokwenzeka ukusukela kunyaka ka-2006, endaweni yokukhetha isifundo soLwazi ngeMathematika njengesifundo esilula. Abafundi mabaxelelwe ngexabiso lokubaluleka kweMathematika ngokubhekiselele kumathuba engqesho nokuqhubela phambili kwizifundo.
4. Izikolo ziyacelwa ukuba zizbekele iitthagethi zazo ukuze kuphumelele ezinjongo. Amagoza e-EMDC azakundwendwela izikolo ukuze kuxoxwe ngezithagethi neenzame zokufikelela kuzo.
5. Ukukwenzela lula, nantso ishedyuli yale nkqubo oyithunyelelwayo (Isihlomelo C) neefom zokubeka iithagethi zeMathematika (Isihlomelo A) nezeFizikhali Sayensi (Isihlomelo B). La maxwebhu angasetyenziswa ngootitshala bakho xa kuxoxwa ngeethagethi eziya kubekwa sisikolo sakho ngaphambi kotyelelo lwegosa le-EMDC.
6. Nceda ungenise iziHlomelo A no B ungadlulanga umhla wama- 23 Ku Septemba 2005 kumcebisi ngezekharityhulam oyintloko we – EMDC yakho. Uyacelwa ukuba ungawuphosi lo mhla usikelwa wona, kuba Isebe leMfundo ye Ntshona Koloni kufuneka ligqithise ezithagethi kwisebe leMfundo lika Zwelonke ngomahla wama-30 kaNovemba ku-2005


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:30

Isihlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 6 KB)