1. INTETHO YENKOKELI KWEZEMFUNDO YAMAZWE NGAMAZWE - 25 AGASTI 2005

Iinqununu kwii-Metropole EMDC ziyamenywa yiYunivesithi yaseNtshona Koloni Western Cape University ukuba zize kuzimasa Intetho yesibini yonyaka kaJulius Nyerere ngomhla we-25 Agasti ngo-16h30 kwi-UWC Library Auditorium.

1.1 Isithethi sembeko iya kuba nguGqr Rosa María Torres wase-Ecuador. Kule minyaka ingamashumi amabini igqithielyo, ebehlala, efunda kunye/okanye esebenza kumazwe ama- 5: e-Ecuador, e-Mexico, eNicaragua, eMelika nase-Argentina - esenza imisebenzi yobugcisa kuninzi lwamazwe eLatin American nawe-Caribbean, kwakunye nakumazwe amaninzi ase-Afrika nawase-Asia. Ebengumcebisi omkhulu kwezemfundo kwi-UNICEF Education Cluster eNew York 1992-1996; umlawuli weprogram e-Latin America naseCaribbean kwiWK Kellogg Foundation, eseBuenos Aires 1996-1998; kwakunye nomphandi e-IIEP-UNESCO Buenos Aires 1998-2000. Ukususela ngo-2000 ube ngumphandi nomcebisi kwezemfundo kumazwe ngamazwe, esebenzela kwiziko lakhe, i- Instituto Fronesis. Ungumbhali weencwadi ezingaphezu kwe-15 kwakunye namanqaku amaninzi. Ubhale imihlathi yaqho ngeveki malunga nezemfundo kwi-El Comercio eQuito phakathi kuka-1990 kunye no-1998.
1.2 Ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu, nceda qhagamshelana noProfesa Shirley Walters okanye uTania Oppel kwiCandelo le-Lifelong Learning kule nombolo: 021 959 3339 okanye kule dilesi ye-imeyili toppel@uwc.ac.za .
2. ISEMINA YEENQUNUNU ZEZIKOLO ZASEMAPHANDENI - 23 AGASTI 2005
2.1 NgoLwesibini, we-23 Agasti, uGqr Rosa María Torres jonga ngentla apha uza kwenza intetho kwintlanganiso eyodwa yeenqununu zezikolo zasemaphandleni eHoërskool Overberg eCaledon. Njengoko eyingcali yezophuhliso loluntu nokunika inkxaso ekufundeni ubomi bonke, isihloko sakhe sithi "How your school can contribute to making this a learning province" oko kukuthi "Isikolo sakho singenza liphi igalelo ekwenzeni eli phondo ibe liphondo elifundayo".
2.2 UProfesa Shirley Walters, uSihlalo womNyhadala oyi-Learning Cape Festival nentloko yeli Candelo Division for Lifelong Learning e-UWC, uya kwenza intetho aze akhokele neengxoxo.
2.3 UMphathiswa weMfundo, uCameron Dugmore, noMnu Ron Swartz namalungu ee-EMDC zeSebe i-WCED nabakuLawulo kwaNdlunkulu baya kubakho kule seshoni, oko ke kumele kudale umdla omkhulu kubahlali basemaphandleni nakwiphondo liphela. Kokokuqala ngqa ukuba kubekho into enje ngale yaye ziyabongozwa izikolo ukuba zize kwesi siganeko ukwenzela ukuba sibe yinto yokwenene ezisa inguqu kwizicwangciso zokuguqula iimeko emaphandleni.
2.4 Kukho imali engengakanani efumanekayo yokuhlawula iindleko zehambo - njengoko esi isisiganeko esiyiprojekthi eyodwa, iindleko zehambo ziya kuhlawulwa ngale reyithi R0.90 ngekhilomitha. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zikhwelisane kwizinto zokuhamba nokuba zicacise gca kwangaphambili ukuba ziya kufaka izicelo zamabango entlawulo claims.
2.5 Intlanganiso iqala ngesidlo sasemini esilula, nesiya kufumaneka ngo-12:00. Inkqubo iqala ngo 13:00 yaye kumele igqitywe ngo-16:30.
2.6 Izikolo ziyacelwa ukuba ziphendule kuPietie Hermanis kule dilesi ye-imeyili phermani@pgwc.gov.za okanye kule nombolo 023 348 4601 okanye kule nombolo yefeksi 023 3424138 phambi kwe-16 Agasti ukulungiselela ukwenza izicwangciso.
3. IINDAWO ZASEMAPHANDLENI NASEKUHLALENI NEZIGANEKO

Kwindawo nganye apha kwezi zingezantsi inkqubo iya kuquka:

  • Umboniso wamakhondo emisebenzi nawemfundo

  • Amasebe karhulumunte abonisa ngeqhayiya iiprojekthi elezoRhwebo noShishino, elezeMisebenzi, elezeMpilo, i-WCED, elezoThutho neMisebenzi kaRhulumente, ooMasipala, eleeNkonzo zoLuleko, eleeNkonzo zeNtlalo-ntle

  • Ukugxila kumathuba ophuhliso lwezakhono, urhwebo, inkqubo yoqhelaniso nomsebenzi.

  • Imiboniso eboniswa ngeqhayiya ngu-ABET; UkuKhula ukuSuka ebuNtwaneni; imfundo yoqeqesho kunye namagunya oqeqesho; amashishini amancinane, aphakathi namashishini amakhudlwana; amaqumrhu ezorhwebo; ezoshishino; imibutho engekho phantsi korhulumente, kunye nemibutho yasekuhlaleni umz. RED Door

  • Imini ezivuleleke kwiikholeji zeFET.

3.1 Imiboniso-bhanyabhanya
  • Worcester Library nge-17 & 18 Agasti

  • George nge-22 & 23 Agasti

3.2 Imiboniso
UmhlaIdolophuIndawo
15 & 16 AgastiWorcesterWorcester Civic Centre
22 AgastiBeaufort WestMulti-purpose Centre
22 AgastiOudtshoornSouth Cape College
23 AgastiGeorgeRosemoor Stadium
30 AgastiCaledonCaledon Town Hall
24 AgastiMalmesbury, Vredendal, CitrusdalFET College campuses in the
respective towns, including Atlantis
7 SeptembaVredenburg/AtlantisWeston High (for Vredenburg)

3.3 Iziganeko zoluntu
Iindawo ekusaza kuqinisekiswa ngazo:
I-imeyili Anthony.daniels@capetown.gov.za
6 Agasti 2005    Bellville South
20 Agasti 2005   Lwandle, Bonteheuwel, Delft
27 Agasti 2005   Atlantis, Wallacedene, Westlake
3 Septemba 2005  Mitchells Plain, Gugulethu
3.4 Iziganeko zasemaphandleni
Abantu onokuqhagamshelana nabo: 
Worcester     Janine Ontong    inombolo 084 588 2728 
                               jontong@breedevallei.gov.za
Beaufort      West Aubrey      inombolo 083 665 1710
Vredenburg    Chris Mathys     inombolo 072 348 2337
George        Katie Abrahams   inombolo l 044 873 5343 
                               geo.museum@mweb.co.za
Caledon       Pietie Hermanis  nombolo 082 553 1637
3.5 Imini ezivuleleke kwikholeji zeFET: Buza kwikholeji esengingqini yakho. Ziya kusasaza amaphetshana ezikolweni zikhuphe izaziso kumaphepha-ndaba asekuhlaleni.
4. Niyakhunjuzwa ukuba ii-Iziko Museums zilungiselela umnyhadala owodwa wotyelelo lwezikolo nezifundo eSlave Lodge, eCastle, eSA Museum, eBo-Kaap Museum, eSA Maritime Museum naseSA National Gallery. Kufuneka kubhukishwe. Izikolo kufuneka zifonele uCindiy Ludidi kule nombolo 021 481 3823 ukufumana ingcaciso.
5. Kuya kubakho izaziso ngezi ziganeko kumaphepha-ndaba. Izikolo ziyamenywa ukuba zindwendwele iziko lewebhu kule dilesi: http://www.learningcape.org ukufumana iingcaciso engaphezulu.
6. Kucelwa niqaphele ukuba isetyhula yangaphambili engeprogram yeKapa eliFundayo yafakwa inombolo engachanekanga eyile 0094/2005. Kwakumele ifakwe le 0049/2005.
7. Ziyacelwa inqununu zezikolo ukuba zazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:04