1. Njengangoku iSebe leMfundo likazwelonke lilawula uvavanyo lwangaphandle lwabaviwa beMatriki abenza i-Akhawuntingi, uLwimi lwesiNgesi (oloNgezelelweyo) iBhayoloji (Biology), iFizikhali Sayensi (Physical Science), ezeMbali kunye neMathematika. Ukwenzela ukukhuthaza ukungqinelana kwisilabhasi eyenziweyo nakuvavanyo lwabafundi, iSebe leMfundo, ngokubonisana namasebe emfundo amaphondo, liqulunqe amaxwebhu asisikhokelo kootitshala kwisifundo ngasinye kwezi zithandathu nathi acacise gca iisilabhasi aze abonelele ngefomathi nendlela ami ngayo amaphepha emibuzo oviwo.
2. Nangona sele kukho inkqubela phambili malunga nokukhuthazwa kokungqinelana kwemigangatho yovavanyo kumaphondo ngokubanzi, kuqatshelwe ukuba kumaziko okumakisha abanye ootitshala be-Akhawuntingi nezeMbali bangazuza lukhulu ukuba kungathi ngaphezu kwalo maxwebhu azizikhokelo, banikwe ingcaciso ethile ukucacisa imibandela ethile emalunga neesilabhasi novavanyo ukwenzela ukuba bakwazi ukuxhobisa bhetele abaviwa babo kwiiMviwo zeMatriki. Abavavanyi, iimodareyitha nabo bamakishayo abachaphazelekayo kwizifundo zezeMbali ne-Akhawuntingi baye ke ngoko babhala la manqaku ongezelelweyo ukunceda ootitshala ngokumalunga noku.
3. Kubalulekile ke ngoko ukuba ootitshala be-Akhawuntingi nezeMbali babafundi beBakala 12 baziqhelanise nala manqaku aqhotyoshelweyo e-Akhawuntingi nezeMbali njengoko injongo yawo ikukubethelela iindlela zokwenza uvavanyo ngokungqinelanayo kwizikolo zonke kwezi zifundo zibini.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:27

Accounting Supplementary Notes  (ubukhulu: 50 KB)
History Supplementary Notes  (ubukhulu: 18 KB)