1. UMBHIYOZO WENYANGA YONKE WEZIGANEKO ZOKUFUNDA

U-Agasti yinyanga yomBhiyozo weKapa eliThanda ukuFunda (Learning Cape Festival) kwaye iSebe i-WCED, ngokubambisana neSebe loPhuhliso loQoqosho noKhenketho, licwangcise iziganeko ezithile ngeli thuba, neziquka imiBoniso yamaKhondo eMisebenzi ukususela nge-2 ukuya kwi-4 Agasti 2005.

2. ISEMINA YEENKOKELI ZEZIKOLO ENGOLAWULO NGEMPUMELELO KWEYANTLUKUWANO NGOKWEENTLANGA - 3 AGASTI
2.1 Abona baphulaphuli kujoliswe kubo ziinqununu zezikolo okanye amalungu eKomiti yoLawulo yeSikolo (SMT). UProfesa Salim Vally weZiko leMfundo loPhuhliso loMgaqo-nkqubo weYunivesithi yaseWitwatersand uya kuvula iseshoni ngokwandlala imiba exhalabisayo nengundoqo ezikolweni efana nobuhlanga kwakunye neminye imibandela etshis’ ibunzi. Iingcali zeSebe le-WCED ezisebenzayo, ngokunikwa inkxaso ngabameli beKhomishini yamaLungelo oLuntu, ziya kuthetha ngamanyathelo okwenzekayo ngokwenene asetyenziswa zizikolo. Iqonga liya kuvuleleka kwizikolo ukuze zandlale izinto ezixhalabisayo zazo kunye/okanye zithethe ngezisombululo ezinokwenziwa.
2.2 Le seshoni iya kuqhubeka ukususela ngo14:00 ukuya ku-16:00 e-Roof Terrace e-Cape Town International Convention Centre (CTICC). Iindawo zokuhlala zinqongophele ngoko ke izikolo ezinqwenela ukuza, ziyacelwa ukuba ziphendule ngokukhawuleza ku-Anne Schlebusch kule nombolo (021) 467 2629 (shiya umyalezo opheleleyo kumatshini) okanye zithumele ifeksi kule nombolo (021) 467 2620 kungenjalo kule dilesi ye-imeyili: aschlebusch@pgwc.gov.za
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zikhuthaze abafundi nabazali ukuba beze kule miBoniso yamaKhondo eMfundo. Iya kuvulwa ngo-09:00 ngentsasa nganye ize ivalwe ngo-19:00 nge-2 nange-3 Agasti kuze kube ngo-17:00 nge-4 Agasti. (Jonga kwiNgcaciso eMfutshane DCD/0047/2005 iinkcukacha ngemiBoniso yamaKhondo eMfundo kunye namalungiselelo okuya kuyo.)
  1. Phakathi kwabo baza kubakho kwezi semina zijolise kubafundi e-CTICC iya kuba ngabameli abathile bamaBhunga aBameli baBafundi (RCLs) -abatyunjwe ngokudibanisa izikolo ezisebenzisanayo kunye nabafundisana bengoontanga ngeHIV ne-AIDS. Izikolo ezichaphazelekayo ziya kuxelelwa ngabaphathi abafanelekileyo bezi projekhthi.

4. Iimyuziyam ezibizwa ngokuba zii-Iziko Museums zilungiselela lo mbhiyozo uwodwa wotyelelo lwezikolo nezifundo kwezi ndawo Slave Lodge, Castle, SA Museum, Bo-Kaap Museum, SA Maritime Museum nase-SA National Gallery. Kubalulekile ukuba kubhukishwe. Izikolo mazifonele uCindy Ludidi apha (021) 481 3823 ukufumana ingcaciso.
5. Kuya kubakho izaziso ngezi ziganeko kumaphepha-ndaba. Izikolo ziyamenywa ukuba zivule iziko lewebhu eliyi-Learning Cape kule dilesi: http://www.learningcape.org ukuze zifumane iinkcukacha ezingaphezulu.
6. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zazise bonke abachaphazelekayo ngokuqulethwe yile setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-AM ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:25