1. Ukuze sibe nako ukungqinelana neemfuneko zika-Umalusi, kwenziwe utshintsho kwindlela emakishwa ngayo imibuzo echazayo kwiCandelo B lephepha loviwo leMatriki leBusiness Economics kuHlelo oluPhezulu (Senior Certificate Business Economics Higher Grade examination paper.)
2. Olu tshintsho luya kuqala ukusebenza xa kumakishwa iphepha loviwo leMatriki leBusiness Economics kuHlelo oluPhezulu ukususela ngoNovemba 2005. Kubalulekile ke ngoko ukuba ootitshala baxelele abaviwa babo ngolu tshintsho ngoko nangoko baze baqalise ukulusebenzisa kumaphepha emibuzo abo nakwiimemoranda zokumakisha zangoSeptemba 2005.
3. Ulwabiwo lwamanqaku kwimibuzo echazayo kwiCandelo B luya kulungiswa ngolu hlobo lulandelayo:
3.1 Inani lamanqaku xa ewonke ngombuzo aya kuhlala engamanqaku ayi-50.
3.2 Amanqaku abelwe ikhontenti aya kuncitshiswa abe phakathi ko-40 no-44 kumbuzo ngamnye.
3.3 Amanqaku ashiyekileyo, oko kuthi, phakathi kwesi-6 ne-10 lamanqaku, aya kwabelwa ingqiqo yomviwa kusetyenziswe i-rubrikhi. Abaviwa baya kunikwa irublikhi kumbuzo ngamnye, nokuba ngaba kukwiphepha lemibuzo okanye kwincwadana yeempendulo ukwenzela ukuba bakwazi ukucwangcisa bamise ngendlela iimpendulo zabo ngokweempawu zovavanyo.
3.4 Le rubrikhi iqhelekileyo ilandelayo ngumzekelo weempawu ezingasetyenziswa xa kuvavanywa ingqiqo yomviwa:
limpawuAmanqaku
 0 amanqaku1 amanqaku2 amanqaku
Ukucacisa intsingiseloUphume ecaleni ngokupheleleyo ekucaciseni intsingiselo yombuzo Uyicacisisile imiba ethile yombuzo ngokuchanekileyo; impendulo ayifane-lekanga ncamUwucacise umbuzo ngokupheleleyo kwaye uphendule ngokwanelisayo nangokufanelekileyo
UsetyenzisoAkalusebenzisi ulwazi alunikwa ngumbuzoUnxulumanise impendulo yakhe nolwazi alufumene embuzweniUnako ukusebenzisa ulwazi alufumene embuzweni
UkufanelekaImpendulo ayifanelekengaImpendulo yake izishiyelele ezinye izinto yaye ufake ingcaciso engafanelekangaUkhethe waza wanika impendulo epheleleyo; ikho yonke ingcaciso efanelekileyo
Ukuzincingela ngokwakhoAkakwazi ukunika imizekelo ngezinto ezenzekayo eziqhubekayoEminye yemizekelo ayinikileyo yefanelekileyo.Unike imizekelo efanelekileyo, nebonisa ukuba uzicingela ngokwakhe
Inkangeleko yobumeAkakwazanga kuyimisa kakuhleUzamile ukuzimisa kakuhle iimpendulo / ukwazile ukuyiphendula eminye imiba yombuzoUkwazile ukuzimisa kakuhle iimpendulo/ uyiphendule yonke imiba efanelekileyo yombuzo

3.5 Oku kulandelayo kungumzekelo wombuzo nendlela yokuvavanywa kweempendulo zayo.:

UMBUZO

Ungumphathi webhanki wecandelo lokuthenga ngetyala kwinkampani i-XXX. Umgaqo-nkqubo wenkampani wokuvumela abathengi ukuba bathenge ngetyala kufuneka uhlaziywe, khon' ukuze kuthintelwe amatyala angahlawulwayo. Yenza izindululo malunga noku kwabo bangabaphathi.

(Amanqaku ewonke: 50 amanqaku
Ikhontenti: 44 amanqaku
Ingqiqo yomviwa: 6 amanqaku)

QAPHELA: Ukuba kunikwe umzekelo webalana emalifundwe elingesiganeko esithile (case study) ukwenzela ukunika umviwa ingcaciso engaphezulu ngemeko echazwe kulo mbuzo, umviwa ulindeleke ukuba asebenzise olo lwazi xa ephendula umbuzo.

Okuqulethwe yimpendulo kulo mbuzo ungentla kuya kuquka ezi zinto zilandelayo:

Intshayelelo: Ukwandlalela okuqhubekayo
Ingxoxo:      Imiqathango yokuthenga ngetyala; 
              ukutshekisha ukufaneleka ukuthenga  ngetyala;
              iimeko zokuvumela kuthengwe ngetyala; 
              imisebenzi yecandelo lokuthenga ngetyala; 
              nokuqokelelwa kweemali kwii-akhawunti ezingahlawulwanga.
Isiqukumbelo: Izinto ezinokuba sisiphumo kumatyala angahlawulwayo 
              nakwingeniso

Amacandelo awahlukeneyo empendulo aya kwabelwa amanqaku alinani elisezantsi nelo liphezulu kumanqaku, kwaye umviwa makaqinisekise ukuba uyazinikezela kangangoko ewaqwalasela ngokuyimfuneko onke amacandelo ale mpendulo.

Ukwabiwa kwamanqaku kungaba lolu hlobo lulandelayo (ifekthi nganye iba ngamanqaku ama-2):

Imiqathango yokuthenga ngetyala             Awona aphezulu 6 
Ukufaneleka ukuthenga ngetyala              Awona aphezulu 12 
Iimeko zokuvumela ukuba kuthengwe ngetyala  Awona aphezulu12 
Imisebenzi yesebe lokuthenga ngetyala       Awona aphezulu 14 
Ii-akhawunti ezingahlawulwayo               Awona aphezulu 12

Elona nani liphezulu lamanqaku elinikwa ngenxa yengcaciso eyenziwe ngumviwa, ya kuba ngu-44 kule meko. Umviwa ke ngoko uya kubanako ukufumana amanqaku apheleleyo kumbuzo opheleleyo kuphela xa ngaba onke amacandelo kuxoxiwe ngawo. (Jonga kwiimpawu ze-rubrikhi : Inkangeleko yobume)

Amanqaku omviwa engqiqo (awona manqaku aphezulu ma-6 kwimeko nganye) aya kwenzelwa isigqibo ngokuthi kusetyenziswe irubrikhi ngolu hlobo lulandelayo:


limpawuAmanqaku
 0 amanqaku1 amanqaku2 amanqaku
Ukucacisa intsingiseloUphume ecaleni ngokupheleleyo ekucaciseni intsingiselo yombuzo Uyicacisisile imiba ethile yombuzo ngokuchanekileyo; impendulo ayifane-lekanga ncamUwucacise umbuzo ngokupheleleyo kwaye uphendule ngokwanelisayo nangokufanelekileyo
UsetyenzisoAkalusebenzisi ulwazi alunikwa ngumbuzoUnxulumanise impendulo yakhe nolwazi alufumene embuzweniUnako ukusebenzisa ulwazi alufumene embuzweni
Inkangeleko yobumeAkakwazanga kuyimisa kakuhleUzamile ukuzimisa kakuhle iimpendulo / ukwazile ukuyiphendula eminye imiba yombuzoUkwazile ukuzimisa kakuhle iimpendulo/ uyiphendule yonke imiba efanelekileyo yombuzo

(QAPHELA: Le rubrikhi iya kunikwa abaviwa ngokuthi ifakwe kwincwadana yeempendulo okanye ifakwe kwiphepha lemibuzo loviwo.)


3.6 AMANQAKU MALUNGA NOKUMAKISHWA KWAMAPHEPHA

ICANDELO A

3.6.1 kweli candelo imibuzo okhetha impendulo enye kuyo (multiple choice questions) iya kuba namanqaku ama-3 kumbuzo ngamnye. Iimpendulo ezifuna babale abaviwa zinganikwa amanqaku ama-4 ngempendulo nganye efuna kubalwe.

ICANDELO B NO-C

3.6.2 Xa umviwa ebuzwa umbuzo, umzekelo, wokuba "akhethe aze axoxe " ngesihloko esithile, ovela kwingcaciso ngebalana emalifundwe elingesiganeko esithile (case study), akuyi kunikwa manqaku xa ekhethe isihloko esingachanekanga, nokuba ngaba ezinye zeefekthi zihambelana ncam neso sihloko singachanekanga asikhethileyo.
3.6.3 Iimpendulo kula macandelo mazisoloko zizizivakalisi ezizeleyo, ngaphandle kokuba umbuzo ufuna ngokuthe ngqo impendulo engaba ligama okanye ibinzana lamagama.
3.6.4 Ngokubanzi, iifekthi ziya kuba ngamanqaku ama-2 inye kwaye umviwa ngamnye kufuneka akhokelwe linani lamanqaku anikiweyo kumbuzo ngamnye. Linqaku linye eliya kunikwa ngokuxela ifekthi, libe linye inqaku ngokuyichaza ngokwemeko eyingqongileyo okanye ngokuyicacisa. Nangona kunjalo, ukuba abaviwa bacelwe ukuba "banike yaye bachaze iimpawu zibe 5” zesihloko apho amanqaku ali-15, linye nqaku eliya kunikwa ngokunika uphawu ukuze abe ma-2 ngokuchaza uphawu olo.
3.6.5 Apho abafundi bacelwe ukuba "baxoxe" ngesihloko, linqaku linye emalabelwe isihloko ngasinye, aze abe ma-2 kwikhontenti phantsi kwesihloko ngasinye.
3.6.6 Ngokubanzi, kufuneka abaviwa bakhokelwe ngamanqaku anikiweyo xa besenza isigqibo sokuba babhale kangakanani.
3.6.7 Mabangaze abaviwa baphendule ngaphezu kwenani lemibuzo elifunwayo. Ukuba bayakwenza oko, iya kuba lelo nani lemibuzo lifunwayo eliya kumakishwa. Yonke eminye ayiyi kuhoywa.
3.6.8 Xa inani leefekthi emazibhalwe phantsi lixeliwe, kuya kumakishwa kuphela kuye kufikwa apho kuye kwafikelelwa kwinani leefekthi ezifunekayo. Iifekthi eziseleyo aziyi kuhoywa.

Iinqununu ziyacelwa ukuba ziqinisekise ukuba bonke abachaphazelekayo bayaziswa ngale ngcaciso imfutshane.

Eminye imibuzo ingabhekiswa kubacebisi ngezekharityhulam be-Business Economics kwi- EMDC nganye.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:12