1. Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lokugqibela (Ii-EMDC) oluthunyelelwayo lweendawo nezikolo zokuqhubela uqeqesho lokuqhelaniswa nezifundo zeNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (NCS) yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET).
2. Ii-EMDC nazo sele ziza kuzazisa izikolo kungekudala.
3. Kuyakhunjuzwa ukuba zonke iiseshoni zocweyo ziya kuqalisa ngentsimbi ye-08:30 ukuya kweye – 16:00 yonke imihla, ngaphandle kwangolwesiHlanu apho kuya kuvalwa ngentsimbi ye-13:00.
4. Kwizifundo ezithile, ngenxa yokubhalisa kade, kongezwe iqela leendawo kwaza kwabiwa izikolo ngokutsha. Kucelwa uthathele ingqalelo olu tshintsho uze uxelele ootitshala bakho ngalo.
5. Bayabongozwa ootitshala ukuba bancede bangakhe balinge baphume ecaleni kula malungiselelo. Onke la malungiselelo enziweyo axhomekeke kule ndlela yokwabiwa kweendawo yaye ukuba ootitshala bangathi baphume ecaleni, amalungiselelo ento etyiwayo kunye nolwabiwo lwezixhobo zoqeqesho kwezi zifundo aya kuphazamiseka kakhulu.
6. Kuphela ngootitshala ababhaliswe ngokusemthethweni nababelwe iindawo ngokolu luhlu lweendawo luqhotyoshelweyo, abaya kufumana izixhobo zokuqhelaniswa nezifundo.
7. Ukuba ootitshala ababhalisiweyo bakhethe ukuya kwiindawo abazikhethele zona ngokwabo, baya kucelwa ukuba babuyele kwezo ndawo babelwe zona.
8. Ngenxa yeendleko ezixhomisa amehlo, ootitshala baya kubonelelwa ngesidlo sasemini esilula. Iya kubakho iti nekofu kusasa nangenjikalanga.
9. Indlela emi ngayo iprogram yoqhelaniso nezifundo ifuna ukuba utitshala eze kumasifundisane wokuqhelaniswa nezifundo, ngazo zontlanu iintsuku ngokupheleleyo. Ukuba oku akwenzekanga, uqeqesho aya kulufumana kumasifundisane aluyi kuba naxabiso lingako. Ukongeza, ootitshala abayi kuvunyelwa ukuba beze kwiiseshoni zezifundo kamva ngenxa yezizathu ezixelwe kumhlathi 3.
10. Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zehambo. Kuyimfuneko ke ngoko ukuba utitshala ngamnye eze noku kulandelayo kumasifundisane.
10.1 Inombolo yakhe yePesali
10.2 Iinkcukacha zobhaliso zesithuthi asisebenzisela uhambo

11. Ootitshala abakhwela izithuthi zikawonke-wonke mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kwiifom zabo zamabango eendleko zehambo.
12. Xa behamba ngeteksi ootitshala, amabango abo makahambe kunye neerisithi okanye neleta evela kwinqununu yabo echaza inkcitho yehambo. Utitshala ngamnye makangenise ifom yemabango eyahlukileyo nengqiniweyo.
13. Aba titshala balandelayo baya kubuyiselwa ngeendleko zehambo nezendawo yokuhlala:
13.1 Ootitshala ababhalisileyo abasuka eBeaufort West naseMurraysburg ukuya e-Oudtshoorn
13.2 Ootitshala ababhalisileyo bezi zifundo: Dance Studies, Foreign Languages neHospitality Studies.

14. Akukho titshala uya kubuyiselwa ngeendleko zehambo okanye zendawo yokuhlala ukuba ngaba uya kumasifundisane esuka kwindawo ebechithela kuyo iholide.
15. Ootitshala mabangenise zonke iifom zamabango abo kubacebisi ngezekharityhulam abaziintloko be-EMDC zabo nabaya kuthi bachophele zonke iindleko ezenzekileyo.
16. Bayacelwa ootitshala ukuba baze nala maxwebhu alandelayo kwaba masifundisane bokuqhelaniswa nezifundo. La maxwebhu anikwa zonke izikolo kwaye akazi kuphinda akhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
16.1 Bayacelwa ootitshala ukuba baze nala maxwebhu alandelayo kwaba masifundisane bokuqhelaniswa nezifundo. La maxwebhu anikwa zonke izikolo kwaye akazi kuphinda akhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
16.2 Ingcaciso yesifundo esichaphazelekayo.
16.3 Le ncwadi ELRC Policy Handbook for Educators (2003)
16.4 Idrafti ye-White Paper on E-education (2003)
16.5 I-Analysis of New Knowledge, Skills, Methodology, IT and Assessment (eyanikwa bonke ootitshala bezifundo ngo-2004 ngethuba loomasifundisane kwiinkalo ezifikelelwa zizifundo.

17. IsiKhokelo seNgcaciso ngeziFundo (Subject Information Guide) (esanikwa bonke ootitshala bezifundo ngo-2004 ngethuba loomasifundisane kwiinkalo ezifikelelwa zizifundo.
17.1 Ootitshala baya kufumana la maxwebhu alandelayo kumasifundisane woqhelaniso nezifundo:
17.2 Uxwebhu olusikhokelo kwiprogram yezifundo (learning programme) zeso sifundo
17.3 Inguqulelo yesi-Afrikansi yeengcaciso zezifundo
17.4 Incwadana yemigaqo (manual) yomthathi-nxaxheba kwisifundo. I-resource pack ngezifundo zikamasifundisane (Iya kuguqulelwa kwisi-Afrikansi ize ihanjiswe ngekota yesithathu.)


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:15

FET NCS orientation training: EMDC Breede River/Overberg  (ubukhulu: 55 KB)
FET NCS orientation training: EMDC Metropole Central  (ubukhulu: 87 KB)
FET NCS orientation training: EMDC Metropole East  (ubukhulu: 79 KB)
FET NCS orientation training: EMDC Metropole North  (ubukhulu: 86 KB)
FET NCS orientation training: EMDC Metropole South  (ubukhulu: 70 KB)
FET NCS orientation training: EMDC South Cape/Karoo  (ubukhulu: 37 KB)
FET NCS orientation training: EMDC West Coast/Winelands  (ubukhulu: 79 KB)
FET NCS orientation training: EMDC Other Institutions  (ubukhulu: 11 KB)