1. UXwebhu loMgaqo-nkqubo omtsha weMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Ngokubanzi) (FET (General) Policy Document) lupapashwe ngoLwesibini we-24 Meyi 2005 ngenjongo yokuba uluntu lunike izimvo zalo ngalo. Inombolo yeGazethi kaRhulumente yile 27607 yaye luyafumaneka kuBashicileli bakaRhulumente (Government Printers) eKapa.  Olu xwebhu lukho kwiziko lewebhu leSebe leMfundo likaZwelonke (National Department website: (Documents/ legislation/comments) (http://www.education.gov.za/ content/documents/663.pdf). Lukwafumaneka nakweli ziko lewebhu leKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni apha http://curriculum.wcape.school.za.
2. Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezimvo zoluntu ngowe-17 Juni 2005. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zilufunde olu xwebhu, ziluxoxe ngenyameko kwaye zilisebenzise eli thuba zilinikiweyo lokuba zivakalise izimvo zazo. Uluvo lwakho okanye izimvo zesikolo, ezithunyelwa ngqo kwiSebe leMfundo likaZwelonke, ziya kuthi zonke zithakazelelwe kakhulu.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni nalo liza kungenisa olwalo uluvo ngokusesikweni yaye liya kuvuya kakhulu ukuba unganako nawe ukudlulisela kwakhona kwiCandelo lezeKharityhulam ikopi yoluvo lwakho njengoko oku kuya kwenza igalelo kolwalo uluvo. Uyacelwa ukuba uthumele ikopi yezimvo zakho kulo Anne Schlebusch (aschlebusch@pgwc.gov.za) phambi kowe-14 Juni 2005.
4. Eminye imibuzo mayibhekiswe kubacebisi ngezekharityhulam abaziintloko okanye kubalawuli abakwii-EMDC zenu.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke abachaphazelekayo okukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:30