1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kubonelela ezi ncwadi Mental Mathematics Flip Books kutitshala weklasi ngamnye ukususela kwiBakala R kuye kwiBakala 6 kwizikolo eziziprayimari zikarhulumente eziqhelekileyo nezineemfuno ezizodwa ezinabafundi beSigaba seSiseko nesiPhakathi.
|
2. |
Imathematika ebalwa ngengqondo imalunga nolwazi lokubala udibanise usebenzisa ingqondo nje kuphela. INgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo kwiNkalo yeSifundo seMathematika icacisa ithi kufuneka abafundi “basebenzise” yaye “balole izakhono zokubala ngengqondo”. Okunye okukwisiCwangciso soLwazi lokuBala seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s Numeracy Strategy) sokuphucula amanqanaba olwazi lokubala kubafundi kwiPhondo leNtshona Koloni kukukhuthaza imizuzu eli-10 ngemini yokwenza imathematika ebalwa ngengqondo, esetyenziswa ngokufanelekileyo ngokungqinelana nobudala kunye nezigaba zokukhula zabafundi. Eyona nto kujongwe kuyo kukuba ezi flip books ziza kubanceda ootitshala ngokumalunga noku.
|
3. |
Nganye i-Mental Mathematics Flip Book iluhlobo lwencwadi enekhalenda nenokuzimela ngokwayo phezu kwetafile. Le ncwadi inemisebenzi eyi-150 yezibalo ezibalwa ngokukhawuleza o. k. t. omnye ngosuku (iBakala R linemisebenzi eli-100) ejolise ngokukodwa kwiZiphumo zoKufunda zeMathematika u-1 no-2. Ngamnye umsebenzi wosuku udwelise umgangatho wovavanyo ofanelekileyo (imigangatho yovavanyo efanelekileyo) nezinye iindlela ezinokusetyenziswa ngutitshala ukufundisa umsebenzi lowo. Le misebenzi yenziwe amaqela ngaqela ngokungqinelana neekhonsepthi (concepts) ezithile yaye ikwalungiswe ngohlobo lokuba yenze kube lula ukuqhubekela phambili kwabafundi kulwazi lwezibalo. Ngako oko ke kucetyiswa ukuba kulandelwe ulandelelwano eyenziwe ngalo.
|
4. |
Nakuba kunjalo, eneneni eyona nto elungileyo nefanelekileyo kukuba imisebenzi yemathematika ebalwa ngengqondo kufuneka yona ibethelele ize izinzise okusele kufundiwe kwangaphambili. Ngako oko ke kufuneka utitshala abe sele eziqalisile yaye wazifundisa iikhonsepthi ezikhankanywe kumsebenzi wemihla ngemihla.
|
5. |
Kufuneka imathematika ebalwa ngengqondo ibhalwe kwiprogram yezifundo zoLwazi lokuBala/zeMathematika nakwishedyuli yomsebenzi yaye iboniswe njengomsebenzi wemihla ngemihla wokubala imathematika. Umsebenzi/inombolo yephepha elichaphazelekayo lale ncwadi (flip book) malibhalwe kwisicwangciso sesifundo sikatitshala.
|
6. |
Isantya sokwenza umsebenzi siya kuxhomekeka kwiklasi ngeklasi. Ukuba umsebenzi ubonakala umfutshane kakhulu, utitshala unokwenza isigqibo ongeze eminye imibuzo. Ukuba umsebenzi ubonakala unzima kakhulu kuninzi lwabafundi, kufuneka utitshala aphinde iikhonsepthi ezifunekayo ukwenza loo msebenzi. De zibe zingqondwe ncam, umsebenzi ungenziwa lula okanye utitshala angaphinda imisebenzi yangaphambili. Maxa onke, okona kubalulekileyo, kufuneka utitshala aqaphele ukuba ngaba elowo nalowo umfundi uyakwazi na ukwenza imisebenzi aze ke anike inkxaso kwabo bafumana ubunzima.
|
7. |
UKUZISWA KWEZI NCWADI MENTAL MATHEMATICS FLIP BOOKS
|
7.1 |
Ukuziswa kweencwadi koomasifundisane
|
7.1.1 |
Oomasifundisane bangenjikalanga baya kuba kwiindawo ezahlukeneyo kwi-EMDC nganye ukususela nge-18 - 29 Julayi 2005.
|
7.1.2 |
I-EMDC iza kutsho umhla nendawo yomasifundisane wesikolo ngasinye ungadlulanga owe-24 Juni 2005.
|
7.1.3 |
Kumasifundisane, umboneleli-nkonzo (service provider) uza kunika isikolo ngasinye iibhokisi zaso zezi ncwadi Mental Mathematics Flip Books.
|
7.1.4 |
Umboneleli-nkonzo uya kuchaza indlela ezenziwe ngayo ezi ncwadi aze abonise nendlela yokuzisebenzisa.
|
7.1.5 |
Ngasinye isikolo siya kucelwa ukuba sithumele ootitshala ababini, omnye okwisiGaba seSiseko aze omnye abe ngowesiGaba esiPhakathi, kumasifundisane oya kucaciswa. Kufuneka inqununu ikhethe omnye waba titshala ukuba ibe nguye owamkela ezo bhokisi zeencwadi zesikolo.
|
7.1.6 |
Kumasifundisane, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
(a) |
Tshekisha idilesi ekwibhokisi eneencwadi. Zamkele iincwadi ezizisiweyo kuphela xa
|
(b) |
kukho idilesi yesikolo sakho kuxwebhu oluhamba neencwadi (waybill).
|
(c) |
Tshekisha ukuba inani lee-Mental Mathematics Flip Books ezisebhokisini likwalinani elinye nelo liprintwe kwifom ehamba nezinto ezizisiweyo.
|
(d) |
Ukuba kukho naziphi na zezi Mental Mathematics Flip Books ezimoshakeleyo, umz. ucingo olubambe amaphepha olugobileyo, musa ukulusayini uxwebhu oluhamba neencwadi yaye musa ukuzamkela ezo flip books.
|
|
7.2 |
Uxwebhu oluhamba neencwadi malusayinwe luze lubhalwe umhla nguloo titshala aze aprinte igama lakhe nenombolo yakhe yesazisi ngaphantsi. Makubhalwe inombolo yefoni yesikolo.
Ukuziswa kweencwadi ezikolweni
(a) |
Kwimeko apho iincwadi zisiwa esikolweni, makulandelwe le nkqubo ilandelayo
|
(b) |
Makube lilungu leKomiti yoLawulo yeSikolo (SMT) elamkela iincwadi ezizisiweyo.
|
(c) |
Tshekisha idilesi ekwibhokisi eneencwadi. Zamkele iincwadi ezizisiweyo kuphela xa kukho idilesi yesikolo sakho kuxwebhu oluhamba neencwadi (waybill).
|
(d) |
Tshekisha ukuba inani lee-Mental Mathematics Flip Books ezizisiweyo likwalinani elinye nelo liprintwe kwifom ehamba nezinto ezizisiweyo.
|
(e) |
Ukuba kukho naziphi na zezi Mental Mathematics Flip Books ezimoshakeleyo, umz. ucingo olubambe amaphepha olugobileyo, musa ukulusayini uxwebhu oluhamba neencwadi yaye musa ukuzamkela ezo flip books.
|
(f) |
Uxwebhu oluhamba neencwadi malusayinwe luze lubhalwe umhla lilungu leMST lize liprinte igama lalo nenombolo yalo yesazisi ngaphantsi.
|
|
7.3 |
Makubhalwe inombolo yefoni yesikolo luze uxwebhu oluhamba neencwadi lugximfizwe ngestampu sesikolo.
|
8. |
Ukuba izikolo zifuna ukutshekisha ngokuziswa kweencwadi ezikolweni zazo, zijonge ukuba kunxayiphi na, zingaya kweli ziko lewebhu: http://www.sateacher.co.za
|
9. |
Okubhalwe kwii-Mental Mathematics Flip Books kuyafumaneka kwikhompyutha njengoxwebhu lwe-PowerPoint presentation kweli ziko lewebhu lilapha ngentla emva kokubhalisa isikolo sakho njengomsebenzisi wenkonzo (user). (Akukho ntlawulo ikhutshwayo ngobhaliso.) Umsebenzi ongumngeni kubafundi weveki yonke unokukhutshelwa ngekhompyutha (downloaded) kwakweli ziko lewebhu.
|
10. |
Ezi ncwadi (flip books) kufuneka zinikwe ootitshala kodwa ziza kuhlala ziyiprophathi yesikolo yaye kufuneka zilawulwe ngenkathalo yikomiti yeSMT. Linethemba eli Sebe leMfundo lokuba ootitshala baza kuyisebenzisa ngokupheleleyo le ncwadi isebenziseka ngokulula ukuphucula ulwazi lwabafundi lokubala imathematika.
|
ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:22
|