1. "UKUDALA IKHAYA LEMFUNDO LOMNTU WONKE: INDIMA YEKHARITYHULAM YE-FET YEZIKOLO"

ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo ukwazisa ukuba inkomfa yephondo iza kubanjwa nge-11 Juni 2005 ukulungiselela iinqununu zezikolo eziya kube zifundisa izifundo zokufumana isatifikethi se-FET.

1.1 Le nkomfa iza kuba seNorthlink College (Panorama Campus), othi xa usiya kuyo uphambuke ku-N1 yaye ijongene nePanorama Medi-Clinic eRothschild Boulevard (khangela kwimephu eqhotyoshelweyo).
1.2 Ubhaliso luya kwenziwa kwangolu suku ukususela ngo-9:00 ukulungiselela inkomfa eqala ngo-10:00. Le nkomfa iphela ngo-15:00.
1.3 Kuqhotyoshelwe apha idrafti yeprogram yenkomfa. Kungekudala iprogram ehlaziyiweyo iza kuba kwiziko lewebhu lenkomfa.
2. INJONGO YENKOMFA NEMIHLABA EZA KUFIKELELWA Iprogram yenziwe ngohlobo lokuba inike ikakhulu iqonga leengxoxo zokwabelana ngolwazi (forum for formal information-sharing), nakuba kuya kubakho ixesha lemibuzo. Sikwithuba elibaluleke kakhulu lenqanaba lokuphunyezwa kwale nkqubo, ngako oko ke kubaluleke ngokukodwa ukuba zonke izikolo zicacelwe gca zizo zonke izicwangciso zikazwelonke, okufuneka kwenziwe, izicwangciso zephondo, amaxesha asikiweyo neendlela ezingakhethwa zokufumana ukuxhaswa ngemali. Kule nkomfa kuza kucaciswa indima yeekhosi zokuqhelaniswa nezifundo eziza kuba ngeeholide zikaJuni – Julayi kuze kubekwe iziseko zeeseshoni zee-EMDC zekota yesithathu.
3. IINDLEKO

Ikho inkxaso-mali ekhoyo efumaneka kwakwenziwa isicelo. Apho kunokwenzeka, bayakhuthazwa abathunywa (delegates) ukuba baluthathe uhambo ngesithuthi esinye ukuncedisa ekunciphiseni iindleko.

4. UBHALISO
Mazibe sezibhalisile iinqununu eziza kuza kule nkomfa nge-3 Juni 2005.

Kucelwa ukuba eyona ndlela ikakhulu emayisetyenziswe xa kubhaliswa ibe yileyo yokubhalisa ngekhomyutha.  Khangela iphepha lewebhu lezikolo ze-FET kweli ziko lekharityhulam http://curriculum.wcape.school.za.

Okanye, ungathumela le fom iqhotyoshelweyo ngefeksi apha 021 467 2258, ukuba iqwalaselwe ngu-Ms. J. Malies.

5. EMINYE IMIBUZO

Eminye imibuzo ingabhekiswa kubacebisi ngezekharityhulam abaziintloko okanye kubalawuli bee-EMDC. Ungaqhagamshelana no-Theo Smit (kwaNdlunkulu) ngale nombolo yefoni 021 467 2629/2585, okanye ngale dilesi ye-imeyili Theo Smit (mailto:tcessmit@pgwc.gov.za).



ISAYINWE: NGU-T.SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:11

khangela kwimephu eqhotyoshelweyo  (ubukhulu: 10 KB)
Iprogram  (ubukhulu: 7 KB)
ungathumela le fom  (ubukhulu: 7 KB)