1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kwenza kwakhona imisebenzi yovavanyo efanayo (common tasks for assessment) yenqanaba 2 leMfundo yaBadala (ABET) njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 018/2005.
2. Ayacelwa onke amaziko emfundo oluntu (community learning centres) abhalisileyo eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba avumele abafundi bawo babhale olu vavanyo kwinkalo yesifundo abazikhethele ngokwabo (learning area of their choice).
3. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo oluntu ukuba bazalise ifom yedatha yobhaliso (registration data forms) eqhotyoshelweyo ngomfundi ngamnye oya kuba ebhala olu uvavanyo lufanayo lwenqanaba 2. Le fom, enedilesi neenkcukacha zonxibelelwano zeziko elo, mayifike kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla we-23 iJuni 2005. Aziyi kwamkelwa iifom zobhaliso ezifike emva komhla wokuvalwa.
4. IiMakhishithi
4.1 Olu uvavanyo lufanayo luya kumakishwa ngaphakathi (marked internally) kwiziko elo.
4.2 Amanqaku ovavanyo olufanayo okugqibela, kwakunye namanqaku ovavanyo rhoqo aya kuvela njengepesenti kwishedyuli yamanqaku ovavanyo lokugqibela (final mark schedule) eya kuhamba kunye namaphepha eemviwo zovavanyo olufanayo kamva kulo nyaka.
4.3 Iya kuba luxanduva lwamaziko ukunika abafundi iingxelo zeemviwo zokugqibela zika-2005.
4.4 Abacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET baya kumodareyitha baze bavume iingxelo zokugqibela zeenkalo zezifundo (final learning area results).
4.5 Ikopi yeshedyuli yamanqaku ovavanyo lokugqibela evunyiweyo (approved final mark schedule) mayithunyelwe kwaNdlunkulu ukwenzela ukuba abafundi babe nokufumana izitatimente zeengxelo (statements of results) ezivela kweli Sebe leMfundo. Ezi zatifikethi ziya kuthunyelwa kumaziko emfundo ngo-2006.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:11

Registration form  (ubukhulu: 18 KB)
Centre data form  (ubukhulu: 21 KB)