1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhuba uviwo olufanayo lwenqanaba 3 njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 018/2005. Olu viwo luya kusebenza njengoluza kuphucula inkqubo yabafundi ukwenzela ukuba babe nako ukuzixhobisa ngezakhono ezifunekayo zokubhala uviwo olumiselweyo lwangaphandle (formal external examination). Ngako oko ke ayacelwa onke amaziko emfundo oluntu (CLCs) abhalisileyo eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba avumele abafundi bawo babhale olu viwo kwinkalo yesifundo abazikhethele ngokwabo (learning area of their choice).
2. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo oluntu ukuba bazalise ifom yedatha yobhaliso (registration data forms) (ikopi yayo iqhotyoshelwe) ngomfundi ngamnye oya kuba ebhala olu viwo. Le fom, ekufuneka kunikwe kuyo idilesi neenkcukacha zonxibelelwano zeziko elo, mayifike kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla we-23 Juni 2005. Nceda uqaphele ukuba eli Sebe leMfundo liya kunika amaphepha eemviwo (question papers) kuphela loo maziko abhalise abafundi bawo ngalo mhla ulindelekileyo (due date).
3. IiMakhishithi
3.1 Olu viwo lufanayo luya kumakishwa ngaphakathi (marked internally) kwiziko ngalinye.
3.2 Amanqaku oviwo lokugqibela, kwakunye namanqaku ovavanyo olwenziwa liziko ngokwalo aya kuvela njengepesenti kwishedyuli yamanqaku oviwo lokugqibela (final mark schedule) eya kuhamba kunye namaphepha eemviwo kamva kulo nyaka.
3.3 Iya kuba luxanduva lwamaziko ukunika abafundi iingxelo zeemviwo zokugqibela zika-2005.
4.4 Abacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET baya kumodareyitha baze bavume iingxelo zokugqibela zeenkalo zezifundo (final learning area results).
4.5 Ikopi yeshedyuli yamanqaku oviwo lokugqibela evunyiweyo (approved final mark schedule) mayithunyelwe kwaNdlunkulu ukwenzela ukuba eli Sebe leMfundo libe nako ukuthumela izitatimente zeengxelo (statements of results) (izatifikethi) kumaziko emfundo ngo-2006.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:11

Registration form  (ubukhulu: 18 KB)
Centre data form  (ubukhulu: 17 KB)