1. Ngalo ka-2005 izikolo ziza kuba zilungiselela ukuqalisa iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo (Revised National Curriculum Statement (RNCS) kwiBakala 7 ngoJanuwari 2006. Sele yenziwe imizekelo yamaxwebhu okulungiselela ukuncedisana nootitshala. Injongo yala maxwebhu kukunika nje imizekelo, akangomaxwebhu omgaqo-nkqubo. Akayomizekelo egqibeleleyo yokubonisa ukuba ucwangciswe njani umsebenzi wesikolo kuba ayayishiyelela imeko engqonge isikolo eso (school’s own context), nekufuneka ibandakanywe kwisicwangciso.
2. Okuqhotyoshelweyo ziiprogram zezifundo eziyimizekelo yeenkalo zezifundo zosibhozo kwiSigaba esiPhakamileyo (Senior Phase). Yenziwe ngamagosa ezekharityhulam nangootitshala abasenkonzweni yaye ifikelela kuzo zonke iziphumo zokufunda (learning outcomes) ezifunekayo nemigangatho yovavanyo (assessment standards) yaloo nkalo yesifundo ithile.
3. Ezi program zenzelwe ezi lwimi nala manqanaba alandelayo: iAfrikansi uLwimi lweNkobe, iAfrikansi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo, iAfrikansi uLwimi lweSibini oLongezelelweyo, isiNgesi uLwimi lweNkobe, isiNgesi uLwimi oLongezelelweyo, isiXhosa uLwimi lweNkobe nesiXhosa uLwimi lweSibini oLongezelelweyo. Ukongeza, kuza kwenziwa iprogram yesifundo engumzekelo yesiXhosa uLwimi lokuQala oLongezelelweyo ukwenzela ukuba izikolo zikwazi ukubonelela abafundi abantetho yabo isisiXhosa abazikolo zabo zingasifundisiyo isiXhosa njengoLwimi lweNkobe.
4. Ezi program zezifundo zingumzekelo zinikwa izikolo ngokungqinelana nolwimi ekufundiswa ngalo sisikolo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ootitshala beBakala 7 abaya kuya kwikhosi yeRNCS ukususela kumhla we-11 ukuya kowe-15 Julayi beza nala maxwebhu angumzekelo (exemplar documents). Ngethuba lokuqhutywa kwekhosi ngoJulayi, le mizekelo iya kulungiswa ngutitshala ngamnye ukuze ifanele imeko engqonge isikolo sakhe. Iishedyuli zomsebenzi eziya kusetyenziswa ngo-2006 ziya kwenziwa ngokuthi kususelwe kula maxwebhu aya kuba elungiselelwe imeko yomntu ngamnye. Utitshala ngamnye oze ekhosini uya kucwangcisa ishedyuli yomsebenzi ubuncinane kwinkalo yesifundo enye. Ukuze kube nokuqinisekiswa ngempumelelo kunye nomgangatho wolu qeqesho lokuqhelaniswa (orientation training) neRNCS ngoJulayi, kubalulekile ukuba ootitshala bafunde kwangaphambili la maxwebhu e-RNCS (Overview and Learning Area Statements) njengoko ikhosi ingayi kuchitha xesha lininzi icacisa ngeenkalo zezifundo ezithile.
6. Izikolo ezifuna ezinye iikopi zeeprogram zezifundo ezingumzekelo zingazi-odola kwa-Edumedia, zisebenzisa le fom efakwe kula maxwebhu.
7. Ukuze bakwazi ukwenza iishedyuli zomsebenzi ngethuba lekhosi kaJulayi, kuya kufuneka ootitshala babe nolwazi olunzulu ngokubhalwe (contents) ubuncinane kwinkalo enye yesifundo. Kwikota yesibini, abacebisi ngezekharityhulam baza kuqhuba oomasifundisane basemva kwemini ukunceda ootitshala bakwazi okubhalwe kwingcaciso yenkalo yesifundo nganye (learning area statement) yaye bakuqonde ncam. Ezi ndibano ezibizwa ngokuba ‘ngoomasifundisane bokucacisa’ (‘unpacking workshops’) ziza kuququzelelwa zii-EMDC. Bayacelwa ootitshala ukuba basebenzise aba masifundisane ukuzilungiselela ukuqalisa i-RNCS ngo-2006.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:15


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).