1. Ukwenzela ukuba abafundi beBakala 8 nele-9 bakwazi ukuthatha izigqibo ezizizo benolwazi xa bekhetha izifundo ekungeneni kwabo kwicandelo le-FET ngo-2006 nango-2007 ngokulandelelanayo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lenze ibrowusha echaza nzulu kodwa ifundeka ngokulula ukuncedisa bona nabazali babo kw ezi zigqibo zibaluleke kangaka.
2. Le browusha iqhotyoshelweyo inika isishwankathelo secandelo le-FET, iqaqambisa imibandela ebalulekileyo enjengezifundo ezinyanzelekileyo, uluhlu lwezifundo zeenkalo ngeenkalo (various learning fields), izifundo ezihamba kunye (subject combinations) nonxibelelwano lwazo namakhondo omsebenzi (career fields), kwakunye nemiqathango yokupasa ukuze bafumane iSatifikethi seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training Certificate - FETC).
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zinike abafundi iikopi zale browusha zize zazise amabhunga olawulo ezikolo, abazali noluntu lwasekuhlaleni okubhalwe kuyo ngenjongo yokuba bakwazi.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:22


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).