1. UMboniso weVeki yokuQatshelwa kweDatha eCacisa ngeeMo ezingeJografi (Geographical Information Systems (GIS)) ka-2005 ngumsebenzi owenziwa ngokubambisa koMbutho weDatha eCacisa ngeeMo ezingeJografi waseMzantsi Afrika (Geographical Information Systems Society of South Africa (GISSA)) nePhondo leNtshona Koloni kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kweDatha eCacisa ngeeMo ezingeJografi uya kuqhutywa ukususela ngowe-10 kuye kowe-12 Meyi 2005, yaye uza kuqaqambisa ucacise ngosetyenziso lwethekhinoloji kwizifundo zeJografi uze wazise uluntu ngoqeqesho nophuculo lwamancedo neenkonzo kwiPhondo leNtshona Koloni.
3. Ngalo nyaka wesibini ukho, lo Mboniso ka-2005 uthembisa ukuba uza kuba mkhulu yaye uza kuba nezinto ezininzi ezintsha. Iliqela imixholo enomdla namathuba okuthetha ngemingeni ekhoyo ngoku nezinto zakutshanje ezenzekileyo kwizifundo zeJografi.
4. Iinkcukacha ezizeleyo ngeprogram zinokufunyanwa kwiziko lewebhu leKharityhulam ye-WCED elileli http://curriculum.wcape.school.za nakula maziko ewebhu eJografi (FET) ( http://curriculum.wcape.school.za/site/39/page/view/ ). Izikolo ziza kuthunyelelwa iiphowusta ezinika iinkcukacha ngazo zonke izinto eziza kwenzeka kulo mboniso. Ukongeza abamajelo eendaba aza kumana epapasha amanqakwana nezaziso eziphathelele kulo Mboniso.
5. Kokokuqala ngqa kweli phondo ukuba kubekho lo Mboniso ka-2005 ololu hlobo yaye uza kuba ngaxeshanye nokuqaliswa kweKharityhulam yeJografi yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET) phantsi kweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke(NCS).
6. Lo mboniso uza kuba se-Bloemhof Centre eBloemhof Road, eBellville, yaye uza kuba neesemina ezineeprogram zokuqatshelwa kwezinto ngokubanzi nezinye izinto eziza kwenziwa. Lo gama iiseshoni zaphakathi evekini ziya kuba nomdla ikakhulu kootitshala, ziyakhuthazwa izikolo ukuba zicele abazali nabafundi ukuba baye nabo ukwenzela ukuba babe nolwazi olubhetele lokukhetha izifundo namakhondo emisebenzi.
6.1 Ababonisi baya kuvulela amathuba okuba kubonwe ingcaciso ngemiba yonke engokufunda nokufundiswa kweDatha eCacisa ngeeMo ezingeJografi, engoqeqesho nophuculo, babonise iikhosi zamvanje, okuqulathwe zezi khosi, isoftware yezemfundo, iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundiseni nasekufundeni neendlela zokufundisa.
6.2 Uthatho-nxaxheba kwiprogram ngootitshala, ngabaqeqeshi, ziingcali zophuhliso lwezakhono nangabaququzeleli kuya kuqinisekisa ukuboniswa kwabo iimeko eziqhubekayo ngoku kweli lizwe nakumazwe ngamazwe kootitshala nakubafundi beendidi zonke nakumanqanaba onke. Kwakhona le program iya kuba liqonga lokwenza unxibelelwano, lokunika ithuba lokwakha intsebenziswano neleengxoxo ngezinto eziqhubekayo.
6.3 Iprogram yalo Mboniso iya kugxininisa ekwaziseni nasekuphicotheni imfundo ngezeJografi namathuba oqeqesho. Izikolo ezicinga ngokutshintsha izifundo ezizikhethileyo ziya kuzuza nto ekuzeni kweli Ziko njengoko ziya kuboniswa iintlobo zonke zezinto ezingakhetha ukuzifundisa.
6.4 NgoLwesibini we-10 Meyi 2005, uMphathiswa weMfundo yePhondo, uCameron Dugmore, noMnu Ron Swartz, iNtsumpa Jikelele yezeMfundo, baza kuza kweli Ziko phakathi kuka- 18:00 no-20:00 ukwenzela ukubonana nootitshala baze bancokole nabo.
6.5 NgoLwesithathu nangoLwesine iprogram ilungiselelwe ukuba kufakwe ootitshala nabafundi bamaBakala 10, 11 no-12 kunye nabazali babo kwakunye nabo bavela emaphandleni. Kuya kwenziwa amalungiselelo ezothutho ukwenzela ukuba abafundi abasuka kwiindawo ezisezidolophini abangathathi ntweni bakwazi ukuza.
7. Ayakhuthazwa onke amaziko eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba axhase lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kweDatha eCacisa ngeeMo ezingeJografi.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:19