1. Kulindelwe izicelo ezivela kubantu abanqwenela ukuba ngabavavanyi okanye ziimodareyitha kwiinkalo zezifundo (luqhotyoshelwe uluhlu) eziza kuvavanywa ngethuba leemviwo ezifanayo zika-Oktobha/Novemba 2005 zeNqanaba 3 kwiMfundo yaBadala.
2. Aba bantu mabanelise le miqathango ibanzi ilandelayo:
2.1 Amava afanelekileyo okufundisa
2.2 Isiqinisekiso esaziwayo soqeqesho lobutitshala olubude buyiminyaka emithathu
2.3 Ulwazi kuloo nkalo yesifundo
3. Izicelo mazingeniswe kule fom yokwenza isicelo imiselweyo neqhotyoshelwe apha, nekwafumaneka nakwii-EMDC. Ziya kwamkelwa iikopi zale fom.
3.1 Iikopi ezingqiniweyo njengezokwenene zeziqinisekiso mazihambe kunye nazo zonke iifom zezicelo. Ukuba la maxwebhu akahambi kunye nefom yesicelo, asiyi kuthathelwa ngqalelo eso sicelo. AKUKHO namnye oza kukhutshelwa bucala kulo mqathango yaye akusayi kuqhutywa mbhalelwano nabenzi-sicelo ngokumalunga noku.
3.2 Makuzaliswe ifom yesicelo eyahlukileyo ngenkalo yesifundo nganye umntu afaka isicelo ngokumalunga nayo.
3.3 Iifom zezicelo ezizaliswe ngokufanelekileyo mazingeniswe kulo
HEAD: EDUCATION (FOR ATTENTION: MR J PARBHOO)
SENIOR CURRICULUM PLANNER: ABET ASSESSMENT
ROOM 816
WESTERN CAPE EDUCATION DEPARTMENT
PRIVATE BAG X9114
CAPE TOWN
8000

ungadlulanga owama-29 Apreli 2005. Luphezu kwabenzi-sicelo uxanduva lokuqinisekisa ukuba iifom zezicelo ezizaliswe ngokufanelekileyo zifika kule ofisi ngaphambi kwalo mhla. Izicelo ezifike EMVA kwalo mhla AZIYI kuthathelwa ngqalelo.
3.4 Zonke iifom zezicelo mazisayinwe ngumphathi weziko lemfundo loluntu (kwimeko yootitshala) okanye yisuphavayiza (kwimeko yabacebisi ngezekharityhulam, njl. njl.). Iifom ezingasayinwanga ziya kubuyiselwa kubenzi-sicelo.
4. Kunyanzelekile ukuba aBalawuli be-EMDC, abaphathi bamaziko emfundo oluntu nabaphathi beesekethe babaxelele bonke ootitshala abachaphazelekayo, kubandakanywa nabo bathathe ikhefu, ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo. ICandelo lezoPhuhliso lweKharityhulam aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaxelelwanga kwangethuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:22

Application form  (ubukhulu: 45 KB)