1. Ukuxhasa ukuphunyezwa kweNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke (Revised National Curriculum Statement (RNCS) wiBakala 7 neNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (NCS) kwiBakala 10 ngo-2006, yaye ngakumbi ekuxhaseni iiLwimi, iMathematika neSayensi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqalise iprojekthi eyodwa yokunika umfundi ngamnye incwadi yesifundo (textbook) kuso ngasinye sezi zifundo zilandelayo:
IBakala 7:   IiLwimi:ULwimi loKuqala oLongezelelweyo - (integrated 
             language textbook)
             IMathematika		
             ISayensi yezeNdalo
IBakala 10:  IiLwimi:ULwimi lweNkobe - (integrated language 
             textbook)
             IiLwimi:ULwimi loKuqala oLongezelelweyo - (integrated 
             language textbook)
             IMathematika okanye Isifundo soLwazi ngeMathematika
             ISayensi yezeNdalo (apho kusebenzayo oku)
2. Kufuneka izikolo zikhethe iincwadi zezifundo zezi nkalo zezifundo/zezifundo kuluhlu eziza kuluthunyelelwa kungekudala.
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zithathele ingqalelo le ngcaciso ilapha ngasentla xa zisenza ii-odolo zeencwadi zezifundo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:18