1. Njengoko iZikolo zeMfundo eneeMfuno eziZodwa ezineeklasi ezinamaBakala 4 - 6 sele ziyifuneme imali yebhajethi yazo yeeNcwadi neZinto zokuNcedisa eKufundeni naseKufundiseni (Learning Teaching Support Material (LTSM)), ngokwenjenje ziyacelwa ukuba zithenge ngqo kubathengisi bazo iikhithi zeMathematika, iSayensi neThekhinoloji, enye yazo nesele inikwe isikolo ngasinye sikarhulumente esiqhelekileyo seSebe leMfundo leNtshona Koloni esinabafundi besiGaba esiPhakathi (Intermediate Phase).
2. Izinto ezikule khithi, ezilungiselelwe ukuphuhlisa ingqiqo yabafundi, zingasetyenziswa ekufundiseni ukuze kufikelelwe ngempumelelo kwiziphumo zokufunda kwiinkalo zezifundo zeMathematika, iSayensi neThekhinoloji, nezigxininisa inkalo yesifundo yeThekhinoloji, kwakunye neziphumo zokufunda ezithile kwiinkalo zezifundo ezinxulumeneyo. Kwimeko yako nakuphi na ukungaqiniseki ukuba ngaba abafundi besikolo esithile baya kuzuza na kula mancedo (resources), zinako iinqununu ukwenza idinga nomcebisi ngezekharityhulam okanye ngezeThekhinoloji wesiGaba sabaPhakathi okwii-EMDC yazo lokuba zikhe zifumane ithuba lokuboniswa okukwikhithi phambi kokuba zifake i-odolo.
3. Uqeqesho malunga nokusetyenziswa kwale khithi luya kwenziwa ngolu hlobo lulandelayo ngababoneleli-nkonzo (service provider), iTsupedi Trust:
3.1 Ngenxa yokunqongophala kwemali, ngutitshala omnye kuphela kwisikolo ngasinye oza kuqeqeshwa.
3.2 Uqeqesho luya kuququzelelwa zii-EMDC yaye luya kuqalisa kwasekuqaleni kuka-Apreli.
3.3 Kuya kwenziwa iseshoni yoqeqesho kwindawo ezimbini ezahlukeneyo zesithili se-EMDC nganye.
3.4 Ukuba isikolo sikude kakhulu kuzo zombini iindawo zoqeqesho, utitshala ochaphazelekayo uya kulufumana uqeqesho kumcebisi ngezeThekhinoloji ngomhla oya kulandela kamva.
3.5 Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezifuna ukuthenga ezi khithi mazincede ziqhagamshelane ngokukhawuleza nabacebisi ngezeThekhinoloji kwii-EMDC zazo zicele ingcaciso ngeekhosi.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibandakanye uqeqesho ekusetyenzisweni kwale LTSM kwizicwangciso zazo zophuhliso lootitshala besiGaba esiPhakathi.
5. Ekuhambeni konyaka abacebisi ngezekharityhulam besiGaba esiPhakathi kwii-EMDC baya kunika inkxaso engaphezulu.
6. Makuqatshelwe oku kulandelayo malunga nokunyamekelwa kwezi khithi:
6.1 Inqununu mayiqinisekise ukuba zonke izinto ziyaphawulwa ngokuzibhala igama lesikolo zize zifakwe kuluhlu lweempahla zesikolo (school's inventory).
6.2 Njengoko ikhithi iza kusetyenziswa ngabo bonke ootitshala kwisiGaba esiPhakathi, ibaluleke kakhulu inkqubo eyiyo yokuyibeka esweni nokuyilawula.
6.3 Ikhithi mayigcinwe kwindawo ekhuselekileyo nefikeleleka ngokulula kootitshala.
6.4 Ilungu leKomiti yoLawulo yeSikolo (SMT) malilawule ukukhutshwa kwezinto zinikwe ootitshala besiGaba esiPhakathi.
7. Makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo ize ithunyelwe ngqo kulo N Steenkamp, Supedi, Fax: 011 672 8365 I Bishop (ibishop@intekom.co.za) ize ingathunyelwa kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.
8. Ukuba iinqununu zinayo nayiphi na imibuzo malunga nale khithi nokusetyenziswa kwayo, mazincede ziqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam okanye ngezeThekhinoloji wesiGaba sabaPhakathi okwi-EMDC yazo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:11

Order form  (ubukhulu: 10 KB)