1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likubona kubaluleke kakhulu ukwazisa abafundi ngamathuba amakhondo emisebenzi. Ingcebiso ngamakhondo emisebenzi nokukhethwa kwezifundo yenziwa kwinkalo yesifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) kwicandelo leGET, kwizifundo zoLwazi ngezoBomi kwicandelo leFET nakwezinye iiprogram ezinxulumene nazo.
2. I-Storm Model Shop inika ithuba kubafundi ababonisa umdla omkhulu ekwenzeni umsebenzi wezeefashoni okanye woshishino lokwenziwa kweefilim ukuba baye kwiiseshoni zokunika ingcaciso malunga nale misebenzi.
3. Ezi seshoni ziya kuqala ngomhla we-15 Matshi 2005 ziqhube wonke unyaka ka-2005. Ziya kuvuleleka kuzo zonke izikolo zaseNtshona Koloni, kodwa kufunwa abafundi abali-10 ngeseshoni nganye nebude buyiyure enye. Amaxesha okungena kwezi seshoni aphakathi kuka-15:00 no-17:00 ngazo zonke iintsuku zeveki.
4. Luxanduva lwesikolo ngasinye ukukhetha abafundi ababonisa umdla omkhulu yaye benesiphiwo kwezefashoni okanye kwishishini lokwenziwa kweefilim.
5. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu ngezi seshoni zengcaciso, funda esi sihlomelo siqhotyoshelweyo, esicacisa izinto ezahlukeneyo ongazikhetha kunye namathuba anikwa yile arhente. Izikolo zinokwenza idinga lokuya kwiiseshoni ngokuthi ziqhagamshelana noMnu Chris Jacobs okwi-Storm Office ngale nombolo yefoni (021) 423 0000 ext. 135, okanye zimthumelele i-imeyili apha chris@stormmodelsafrica.com .


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:18