1. INKOMFA “YEZISOMBULULO ZOVAVANYO” (ASSESSMENT SOLUTIONS)

ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo ukwazisa ngenkomfa yephondo engeZisombululo zoVavanyo (“Assessment Solutions”), yootitshala bamaBakala 1 - 6 ngomhla we-15 nowe-16 Apreli 2005.

1.1 Le nkomfa iza kuqhutyelwa eBoland Agricultural College ePaarl. Ubhaliso luya kwenziwa ngoLwesihlanu, umhla we-15 Apreli, ngo-14h00 ukulungiselela ukuqala kwenkqubo ngo-15h00 eya kuphela ngo-19h00. NgoMgqibelo, umhla we-16 Apreli, ezi seshoni ziya kuqhuba ukususela ku-8h30 ukuya kweye-14h00.
1.2 Iprogram yenkomfa iya kuqhutywa ngootitshala, ziingcali ze-IT, kunye neenqununu zezikolo okanye abaphathi bezovavanyo.
1.2.1 Intetho ephambili iya kwenziwa yinqununu yesikolo eyawongwa ngembasa, uMnu Ronald Philander, waseSt Marks’ Primary ePrince Alfred Hamlet.
1.2.2 Iseshoni yesibini yamalungu onke iya kusingatha “IMiba eTshis’ ibunzi” - umzekelo umba wendima yeMigangatho yoVavanyo (Assessment Standards) malunga nokurekhoda umsebenzi wabafundi kunye nokunika ingxelo (report).
1.2.3 Ngaphandle kweeseshoni ezimbini zamalungu onke apho kuya kufundwa amagalelo (two plenary presentations) ngoLwesihlanu, inkomfa iya kuba neesethi ezine zeeseshoni eziqhuba ngaxeshanye (four sets of parallel sessions): iSeti 1 iya kugxininisa kwiBakala okanye kwiSigaba; iSeti 2 iya kuba “ngoLwazi lokuVavanya” (“Managing Assessment”) (eyenzelwe abo bangabaphathi bezikolo okanye bovavanyo); iSeti 3 iya kuba nge-“IT and Assessment”; ize iSeti 4 ibe ngeyootitshala abakwiiklasi ekufundiswa kuzo amabakala amaninzi (multigrade classrooms).
2. KUCELWA AMAGALELO AZA KUFUNDWA KWINKOMFA (PRESENTATIONS)

Bayacelwa abo banako ukwenza amagalelo aza kufundwa ukuba babelane nabanye ootitshala abasuka kweli phondo liphela ngezisombululo zovavanyo zabo ezibonisa ubuchule bengqondo (creative assessment solutions).

2.1 Olu xwebhu luqhotyoshelweyo lunika iinkcukacha zeendidi kunye nobude bamagalelo aya kwamkeleka nokuba angeniswe njani yaye phi na loo magalelo.
2.2 La magalelo makangeniswe ku-Anne Schlebusch kule nombolo yefeksi: 021 467 2620 okanye kule dilesi ye-imeyili: aschlebusch@pgwc.gov.za phambi komhla we-16 Matshi 2005.
2.3 Abo banako ukwenza amagalelo bangafonela u-Anne ngale nombolo (021) 467 2629 okanye uMcebisi ngezeKharityhulam weSigaba seSiseko (Foundation) okanye weSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase Curriculum Adviser) kwii-EMDC zabo ezikufutshane ngokumalunga nayo nayiphi na imibuzo.
2.4 Abo bamagalelo abo aphumeleleyo ukuba afundwe kwinkomfa baya kwaziswa ngokuthi bafonelwe ngomhla wama-22 Matshi 2005.
3. IINDLEKO
3.1 Intlawulo eya kubizwa kule nkomfa li-R100 (yokuqesha indawo, ushicilelo lwezinto zokufunda neziphungo (refreshments), kwakunye nesidlo sasemini onokuhamba naso). ISebe leMfundo leNtshona Koloni linako ukubonelela ngenkxaso engengakanani abathunywa abazikolo zabo zingenako ukuhlawula le mali.
3.2 Kukho inkxaso-mali yokuncedisa iindleko zohambo eyi-R250 (eya kufana kumntu wonke (flate rate) kungabi ngekhilomitha nganye) efumaneka ngokwenza isicelo (nekuya kubakho imvume yoko eya kulandela) kwabo bathunywa baya kuhamba imigama emide engaphezulu kwama-250 km ukuya kwindawo eqhubekela kuyo inkomfa (o.k.t. ihambo yokuya nokubuya engaphezu kwama-500 km)
3.3 IPaarl Boys’ High iza kubonelela ngendawo yokulala ehostele kubathunywa abangama-50 ngexabiso eliyi-R90 umntu ngamnye eliya kubandakanya isidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
3.4 Kwabo bafuna ukwenza amalungiselelo abo, olu xwebhu lwengcaciso luqhotyoshelweyo lunoluhlu lweendawo ezinokufumaneka ePaarl kunye neentlawulo ezibizwayo.
4. UBHALISO LWETHUTYANA NOBHALISO NGOKUPHELELEYO
4.1 Njengoko le ndawo kuza kuqhutyelwa kuyo inkomfa inokwanela ootitshala abangabathunywa abangama-320 (ama40-kwi-EMDC nganye), kufuneka abathunywa abanomdla wokuya babhalise okwethutyana.
4.1.1 Abo bathunywa bafuna ukuya mabanike uMququzeleli woVavanyo we-EMDC yabo ifom yobhaliso yethutyana (provisional registration form) (jonga ifom eqhotyoshelweyo) phambi komhla we-16 Matshi 2005. Emva komhla we-16 Matshi, inokuhlenga-hlengiswa imali eyabelwe i-EMDC nganye ukuba ngaba lincinane inani elibhaliselwe inkomfa kwenye-EMDC lize libe likhulu kwenye.
4.1.2 Kulindeleke ukuba babe baninzi ootitshala abenze izicelo ngaphezu kwendawo efumanekayo ngako oko ke ziyakhuthazwa izikolo ukuba zenze izicelo ngokukhawuleza kakhulu.
4.1.3 Abenzi-zicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa phambi komhla wama-22 Matshi 2005.
4.2 Ubhaliso ngokusesikweni, nokuhlawula ngomatshini kweentlawulo zenkomfa nezendawo yokuhlala, makube sekwenziwe kwagqitywa ngomhla wesi-4 Apreli 2005.
4.3 Uluhlu lokugqibela lwabo baza kufunda amagalelo abo nolwamagama abo baphumeleleyo kubhaliso lwabo ziya kufakwa kweli ziko lewebhu http://curriculum.wcape.school.za kwi-link ekusa ku-Assessment (GET & FET) . Idrafti yeprogram yenkomfa namanqakwana eendaba ziya kuvela nazo kwakweli ziko lewebhu.
5. Eminye imibuzo ingabhekiswa kuBaququzeleli booVavanyo (Assessment Co-ordinators) abakwi-EMDC okanye kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko (Chief Curriculum Advisers).
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:07

" UXwebhu lweNgcaciso ngeNkomfa  (ubukhulu: 28 KB)
"