1. OOMATSHINI BOKUBONISA ISOFTWARE YEKHOMPYUTHA
1.1 I-EMDC nganye, kwakunye no-EDULIS, inekhompyutha elungiselelwe ukubonisa isotfware engezemfundo efanele kukusetyenziswa ukuxhasa ikharityhulam ezikolweni. Ngenxa yokuba asinto edla ngokwenzeka ukuba izikolo zitshekishe kuqala isoftware phambi kokuba ziyithenge, kucetyiswa ukuba ootitshala baqhagamshelane ne-EMDC yabo okanye no-EDULIS babhukishe ixesha lokusebenzisa ikhompyutha ukujonga le software ekhoyo ngoku.
1.2 Le software ibonelelwa ngamalungu e-ADESSA, the Associated Distributors of Educational Supplies in Southern Africa. Njengoko kusoloko kuveliswa isoftware entsha qho, isoftware ekwaba matshini nayo iya kuhlaziywa qho. Ngale ndlela kujongwe ekwakheni uvimba omkhulu wokuncedisa izikolo ekukhetheni isoftware nokwenza ootitshala, abacebisi ngezekharityhulam nabanye bazi ngesoftware engezemfundo nokubenza babone ukuba ingasetyenziswa njani na ukongeza okuzuzwa ekufundeni nasekufundiseni.
1.3 Apha ngasezantsi luluhlu lwamagama neenombolo ekungaqhagamshelwana nazo:
EDULIS Library: Circulation                           (021)957 9618  
EMDCs:
Breede River/Overberg Resource Centre  Ingrid Murray  (023)348 4657
Metropole Central                      Pieter Visagie (021)659 4330
Metropole East                         Deon Pokpas    (021)900 7129
Metropole North                        Jenny Caroto   (021)938 3018
Metropole South Resource Centre        Ntombi Mngxuma (021)370 2097
South Cape/Karoo Resource Centre       Sam Webber     (044)803 8328
West Coast/Winelands Resource Centre   Ina Heiberg    (021)860 1228
2. IDISKHI YEZIFUNDO ZESAYENSI ENEZINTO ZAKUTSHANJE EVELA KWA-EDUMEDIA

Le diskhi The Physical Science Revision and Consolidation Exercises / Natuur-en Skeikunde Hersienings-en Samevattingsoefeninge iza kufumaneka kwa-EDUMEDIA esandula kuqala uMatshi kwiCD-ROM exabiso lifikelelekayo eliyi-R20,00 (kungafakwanga zindleko zeposi nokulungiselela ukuyithumela). Inesethi yemibuzo eli-1800 okhetha omnye koyinikiweyo (multiple-choice questions) yekharityhulam yakutshanje yeBakala 11 nele-12 kwiZifundo zeSayensi (kwi-HG nakwi-SG) yaye ilungiselelwe ukuba isebenze kwisistim yeWindows. Injongo yale diskhi kukuncedisa abafundi bakwazi ukubethelela ulwazi lwabo, ngokukodwa kumalungiselelo eemviwo zeMatriki zalo nyaka. Imibuzo ingathunyelwa ku: edumedia@pgwc.gov.za .

3. U-THUTONG: ( http://www.thutong.org.za/ )

U-Thutong lithanga lezemfundo (educational portal) elisandula kuqaliswa liSebe leMfundo likazwelonke. Injongo yalo kukuxhobisa ootitshala nabafundi ngezixhobo zemfundo ekumgangatho ophezulu ukulungiselela ukufunda nokufundisa ngokwenkqubo yemfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based) (OBE) education system). Zonke izixhobo zokufunda ezikweli thanga zihambelana neNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yeFET kunye neNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke yeGET (FET National Curriculum Statement (NCS) and GET Revised National Curriculum Statement (RNCS)), yaye zixhasa ootitshala kuyo yonke imisebenzi yabo. Xa usiya kweli ziko lewebhu okokuqala ngqa, bayacelwa abalisebenzisayo ukuba babhalise (akukho ntlawulo ifunekayo) baze bafake izinto abanomdla kuzo kwezemfundo. Oku kwenza ukuba u-Thutong atsalele iingqondo zabo bamsebenzisayo kwizinto ezintsha ezenzeka kwiinkalo abanomdla kuzo nanini na xa besiya kweli ziko lewebhu. Izinto ezintsha zokufunda zifumaneka yonke imihla. Kufuneka izikolo zenze ibe sisiqhelo kuzo ukuya kuThutong, kwakunye nakweli ziko lewebhu leWCED (http://wced.wcape.gov.za/), ngokumalunga nayo yonke imibandela enxulumene nesikolo, kubandakanywa nokunikwa inkxaso kwimiba yezekharityhulam.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:04