1. UMphathiswa weMfundo, uMnu Cameron Dugmore, uqalise iprojekthi yokupapasha ingqokelela yamaculo aculwa ngabahlali abahlukeneyo baseNtshona Koloni kwithuba elingaphezu kweminyaka engamashumi amabini edlulileyo.
2. Le ncwadi yamaculo iya kuba nezi ntlobo zilandelayo zamaculo kwiilwimi zasebuRhulumenteni zoMzantsi Afrika:
  • Iingoma zesikolo

  • Iingoma zemidlalo

  • Iingoma zenkcubeko

  • Iingoma ezijolise kwimibhiyozo yeminyaka elishumi yenkululeko nedemokhrasi

  • Iingoma ezijolise kwimiba yasentlalweni enjenge-HIV/Aids nobundlobongela

3. UMphathiswa ucela bonke ootitshala nabafundi bezikolo ezizisekondari ukuba bangenise amaculo afanelekileyo ukuze akhethwe ngenjongo yokufakwa kule ngqokelela nemayisetyenziselwe injongo yokuqala njengento yokufundisa nokufunda kwizikolo ezizisekondari. Ngenxa yesi sizathu nganye ingoma mayikhokelwe yinkcazo emfutshane yembali yayo/yemvelaphi yayo nentsingiselo yayo.
4. Makusetyenziswe i-staff okanye i-tonic solfa notation yaye makangeniswe la maculo/ezi ngoma ungadlulanga umhla we-24 Matshi 2005 kulo
Head: Education
Attention Mr FA Lewis, Senior Curriculum Planner: Music
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000 
5. Kucelwa wazise le ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:24