1. Ukongeza kwiprogram ye-PACE eyenziwa ezikolweni, iSebe leMfundo leNtshona Koloni likwaxhasa ezinye iinzame zokunika inkxaso neengcebiso kootitshala abafundisa izifundo zoLwazi ngezoBomi (Life Orientation) kwizikolo zaseprayimari nakweziphakamileyo, nakubafundi beBakala 9 ekufuneka bakhethe izifundo zabo zecandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training band (FET band) nakwabo bafundi bakwicandelo le-FET bagqibileyo ukufunda besiya kufuna umsebenzi kwilizwe lempangelo.
2. Ziyacelwa iinqununu ukuba zisidlulisele esi sikhokelo siqhotyoshelweyo, The South African Career Guide, 2005, esingamakhondo omsebenzi nezinto zakutshanje nesifumaneka ngesiNgesi kuphela kootitshala bezifundo zeZakhono zoBomi kwizikolo zabo. Esi sikhokelo masirekhodwe kuluhlu lwezinto esinazo isikolo (school inventory).
3. Ziyafumaneka ezinye iikopi kubapapashi nge-R50 ikopi nganye kwidilesi yeposi ebhalwe apho kuso.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:21


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).