1. Isifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation), sisifundo esingundoqo kwicandelo le-FET apho bonke abafundi bamaBakala 10 - 12 baya kufundiswa ngaso, sineenkalo ezine ekugxininiswa kuzo, ezizezi, Personal Well-being (iMpilo-ntle yakho buqu), Citizenship education (iMfundo ngezoBumi), Recreation and physical activity (ezoLonwabo nezokuThamba), neCareers and Career choices (ezaMakhondo omSebenzi nezigqibo ngaMakhondo omSebenzi).
2. Iikhosi zoqeqesho kwezimbini zezi nkalo, ezizezi, i-Personal Well-being ne-Career and Career choices, ziya kuqhutywa ngeeholide zezikolo zikaMatshi/Apreli 2005.
2.1 Ikhosi ye-Personal Well-being, exhasa uqeqesho kwiNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s National Curriculum Statement) (NCS) training) oluza kunikwa ngeholide kaJuni 2005, iya kuba ngomxholo oqulathiweyo omalunga nesi siphumo yaye iya kwenziwa ngomhla wama-31 Matshi 2005, nangowoku-1 nowesi-2 Apreli 2005 (iintsuku ezi-3). Iya kufumaneka ngohlobo lwencwadi nakwi-CD-ROM yaye zonke izikolo ezinekhompyutha ziya kunikwa incwadana esisikhokelo katitshala (teacher resource manual) nencwadi yomfundi zikwimo esetyenziswa yikhompyutha (electronic version).
2.2 Ikhosi yePACE “Advise and Refer”, neyikhosi evunyiweyo kwinqanaba 5 leNQF, iya kwenziwa ngomhla wama-29 ukuya kowama-31 Matshi 2005 (iintsuku ezi-3). Injongo yale khosi kukuxhobisa ootitshala ukuze banike abafundi iingcebiso yaye babakhokele ukwenzela ukuba bakwazi ukuthatha izigqibo ezizizo ngezifundo nangamakhondo omsebenzi. Ngaphezulu ikwaxhasa ukuphunyezwa kwemigangatho yovavanyo ethile kwiSiphumo 4 (kwi-FET) nakwiSiphumo 5 (kwi-GET) yaye iya kunceda ekufundeni nasekufundiseni izifundo zoLwazi ngezoBomi. Iya kuqhutywa kusetyenzisa iincwadi nekhompyutha. Abathathi-nxaxheba baya kunikwa iikhredithi ezi-6 bakugqiba iphothifoliyo yaye kofuneka bazenze bazigqibe ii-asayinimenti zeephothifoliyo zabo eziya kulandelayo kamva
3. Kwimeko nganye ngutitshala omnye kuphela kwisikolo ngasinye onokuya kumjikelo wokuqala woqeqesho. Nceda ufunde iSihlomelo A malunga nendawo echanekileyo eza kuqhutyelwa kuyo iPersonal Wellbeing course neSihlomelo B ngokumalunga nePACE “Advise and Refer” course. Zombini ezi khosi ziya kuqala entloko ngo-8:30 kusasa ziphele ngo-16:00 ngenjikalanga kuzo zontathu iintsuku zoqeqesho. Qaphela ukuba ngootitshala ababeye kwiPACE Career Guidance yokuqala abanokuya kwikhosi yePACE “Advise and Refer” evunyiweyo.
4. Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abaza kwenza izicelo zamabango entlawulo ngeendleko zabo mabeze nale ngcaciso ilandelayo ekhosini:
  • Inombolo yePESALI

  • Inombolo yobukhulu benjini yesithuthi esisetyenzisiweyo nonyaka esenziwe ngawo

  • Umgama weekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo ekuqhutyelwa kuyo ikhosi

5. Ootitshala abavela kwii-EMDC zasemaphandleni abafuna indawo yokulala kufuneka bazenzele amalungiselelo abo. Kucetyiswa ukuba basebenzise indawo efanelekileyo ebonelela ngendawo yokulala nesidlo sakusasa. Aba titshala kufuneka bangenise izicelo zamabango entlawulo zabo phambi kokuba bahambe ngosuku lokugqibela lwekhosi.
6. Kwimeko yezi khosi zombini ziyacelwa iinqununu ukuba zibuyisele iifom zobhaliso ezizalisiweyo kwiProject Manager, uNks BJ Prince okwaNdlunkulu ngeposi okanye ngale feksi 021 467 2256 okanye ngale imeyili Brenda Prins (bprince@pgwc.gov.za) phambi komhla we-14 Matshi 2005.
7. Ezi khosi zingentla ziya kunikwa kwakhona ngoMatshi 2006. Ootitshala baya kunikwa kwakhona ithuba lokuya ekhosini abo babengekayi. Kumalungiselelo ekota yesibini neyesithathu ka-2005 eekhosi ezongezelelweyo zePACE Career Guidance ziya kunikwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ababengazange baye khosini ngo-2004.
8. Ziyacelwa zonke iinqununu zezikolo eziphakamileyo ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ootitshala bezifundo zoLwazi ngezoBomi. Ikhweshine eqhotyoshelweyo mayizaliswe ize ingeniswe kwiProject Manager, Nks BJ Prince, kwaNdlunkulu ngeposi, okanye ngale feksi 021 467 2258 okanye ngale imeyili Brenda Prins (bprince@pgwc.gov.za) phambi komhla we-14 Matshi 2005.
9. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi zingentla kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa i-IQMS yootitshala.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:02

iSihlomelo A: Ikhosi ye-Personal Well-being course  (ubukhulu: 45 KB)
iSihlomelo B: Ikhosi ye-PACE “Advise and Refer” course  (ubukhulu: 52 KB)