1. Obekekileyo uKumkanikazi Silvia waseSwiden uza kwenza itheko lonikezelo-mabhaso ale projekthi yokufundisa abafundi ngovoto neqhutywa minyaka le ngokuhambisana nomxholo weNkomfa yeZizwe eziManyeneyo waMalungelo oMntwana. Injongo yale projekthi
  • kukuphucula ulwazi lwabantwana lokufunda nokubhala

  • kukunceda abantwana bakwazi ukuxoxa nabanye abantwana behlabathi

  • kukufundisa abantwaba ngedemokhrasi, kunye

  • nokuphucula izakhono zabantwaba zokuvota

2. Abantwaba baya kuthatha inxaxheba ngokuthi
  • bafunde ngabantwana namalungelo abo ehlabathini

  • benze izigqibo ngoyena uza kuwina,

  • nangokuthatha inxaxheba kwinkqubo yokufunda ngovoto besebenzisa
    iphepha lovoto okanye iziko lewebhu elithile

3. Abatyunjelwe eli bhaso kulo nyaka baquka uMnu Nelson Mandela noNksk Graca Machel. Amagalelo abo kumalungelo abantwana akule magazini The Globe. Iikopi zale magazini The Globe ezinayo yonke ingcaciso efunekayo xa uthatha inxaxheba ziza kuthunyelwa ezikolweni.
4. Iqela labagwebi abangabantwana (child jury) elenziwe ngabantwana abavela kwihlabathi liphela neliya kudibana eSweden ngo-Apreli, liya kuncedisa ekwenzeni isigqibo sokugqibela ngeli bhaso libaluleke kangaka. Umfundi waseMzantsi Afrika, uXola Dubula, oneminyala eli-14 nolwela amalungelo abo nabe-AIDS, ungomnye weqela labagwebi.
5. Iziphumo zekharityhulam zezi nkalo zezifundo EzoLwazi ngezeNtlalo nezoLwazi ngezoBomi, zenza ezi nkalo zezifundo zibe zezisemxholweni ncam kubafundi nezenza baphande yaye baphuhlise ulwazi lwabo ngovoto nedemokhrasi.
6. Ziyacelwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba kulo mba ufundisayo nokuba zincedise abafundi bazo ukuba bavote ngokukhululekileyo phambi komhla wokuvala wama-31 Matshi 2005 nokuba zibakhuthaze ukuze babe ngabemi abanenkathalo kwiindawo abahlala kuzo, kwilizwe labo nakwihlabathi liphela. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana nalo
Marlene Winberg, 
UMququqzeleli waseMzantsi Afrika we-World’s Children’s
Prize for the Rights of the Child 
Ifoni: 021 783 0927
Ifeksi: 021 572 1000
Iselula: 083 392 5153
I-imeyili: Marlene Winberg (marlene.winberg@childrensworld.org)
Iziko lewebhu: Childrensworld (http://www.childrensworld.org)


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:23