1. ISebe lezeNkcubeko nezeMidlalo livelise iincwadana zokunceda ootitshala abaqeqesha iimbaleki ezikolweni ekuqeqesheni nasekulungiseleleni ezemidlalo. Ezi ncwadana zingezakhono nolwazi lwemigangatho yovavanyo (assessment standards) kwinkalo yesifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) kwi-GET band nakwiZifundo zeMithambo (Physical Education), sifundo eso esikhoyo ngoku kwicandelo le-FET. Zikwaluncedo nasekuqeqesheni iimbaleki njengomsebenzi owenziwa emva kweeyure zokufundisa.
2. Ezi ncwadana zemigaqo zilandelayo neziye zafakwa kulo mqulu, zinako izikolo ukwenza iikopi zazo ukulungiselela iinjongo zoqeqesho nokufundisa izakhono kubafundi:
Back to Basics in Athletics Coaching
Concentrates on basic coaching skills and 
techniques for the various athletics disciplines
Basic Athletics Administration and Technical Manual A document to guide the novice educator-athletics coach in administrative and technical matters
APE Rules - Athletics Performance Evaluation Tables Tables for use in assessing the performance of an athlete by using a point system
3. ISebe lezeNkcubeko nezeMidlalo lisacwangcisa iikhosi zoqeqesho lootitshala.
4. Injongo yoku kukuqinisekisa ukuba zonke izikolo zifumana isethi yezi ncwadana zemigaqo nesinethemba lokuba ziza kudlala indima ephambili ekuphuhliseni izakhono namacebo okudlala lo mdlalo uthandwa kunene ngabo bonke abafundi kwiPhondo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:23


The documents, referred to in this minute, will be available as hard copies.