1. UMzantsi Afrika ujongene nokunqongophala kwamanzi okubangelwa zizinto ezifana notshintsho kubume bemozulu nokufudukela kwabantu ezidolophini. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), libambisene neSebe lezaManzi naMahlathi (DWAF), licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwizinto eziza kwenziwa zokwazisa ngokubaluleka kwamanzi kwiVeki yaManzi kaZwelonke ngo-2005 (National Water Week 2005), eya kuqala ngowe-21 ukuya kowe-27 Matshi 2005. Le misebenzi ibandakanya amakhuphiswano aququzelelwe yi-DWAF neSixeko saseKapa. Xa ufuna ingcaciso malunga nezi zinto qhagamshelana naba balandelayo:
DWAF  
Ifoni: 021 950 7212
Ifeksi: 021 946 3666
I-imeyili: nayoB@dwaf.gov.za
Iziko lewebhu: Department of Water Affairs (http://www.dwaf.gov.za)
ISixeko saseKapa - Icandelo leeNkonzo zaManzi 
Ifoni: 021 590 1470
Ifeksi: 021 590 1504  	
I-imeyili: johannes.prins@capetown.gov.za (Johannes Prins)
Ukhuphiswano:
Ifoni: 021 761 0989  Terry Burn
Iziko lewebhu: City of Cape Town (http://www.capetown.gov.za/water)
2. Kubalulekile ngokukodwa ukuba bonke abafundi bazi ukuba oovimba bamanzi esinabo kwiphondo leNtshona Koloni nakwezinye iindawo bambalwa kakhulu. Ngenxa yoku iSebe leMfundo leNtshona Koloni likhuthaza zonke izikolo ukuba ziqaqambise kwikharityhulam imiba emalunga namanzi enjengale ulondolozo lwamanzi, umgangatho wamanzi, usetyenziso lwamanzi nophicotho losetyenziso lwamanzi, esikolweni, ekhaya nasekuhlaleni. Amathuba okwenza oku akho kuzo zonke iinkalo zezifundo kuwo onke amabakala.
3. Ukugxininiswa kokubaluleka kwamanzi makungathathelwa ingqalelo kuphela ngeVeki yaManzi kaZwelonke. Iiprogram zezifundo mazibandakanye imiba eyahlukeneyo engokuqatshelwa kokubaluleka kwamanzi kumabakala ngamabakala. Umzekelo, kwibakala ngalinye lesigaba kungakhethwa inkalo yesifundo eyahlukileyo kuze kujoliswe ngakumbi kumba ongamanzi. Ngethuba befika ekupheleni kwesigaba, kumele abafundi babe beliqonda ncam ixabiso lamanzi yaye babonise umoya wokuzijonga izinto ngendlela eyakhayo (positive attitude) malunga nosetyenziso nondolozo lwalo mthombo uxhasa yonke into ephilayo.
4. Oku kulandelayo luluhlu lweendawo ekufumaneka kuzo oomatshini nezinto ezibhaliweyo zokuncedisa ootitshala kwizicwangciso zabo zekharityhulam ngemiba emalunga namanzi:
4.1 WCED Curriculum web site (http://curriculum.wcape.school.za).  Yiya ku-Environmental Education sub-site ukufumana isishwankathelo sezicwangciso zezifundo ezisekelwe kwiziphumo zekharityhulam, kunye neencwadi ezinxulumene nazo. i-imeyili: msemmelink@pgwc.gov.za (Matseliso Semmelink)
4.2 The WCED Centre for Conservation Education:
Ifoni: 021 762 1622
Ifoni: 021 762 8690 
i-imeyili: Centre for Conservation Education (postmaster@cce.wcape.school.za)
4.3 The WCED EDULIS Library:
15 Kruskal Avenue, Bellville, 7530
Ifoni: 021 957 9618
Ifeksi: 021 948 0748
i-imeyili: Edulis (edulis@pgwc.gov.za)
4.4 La maziko eencwadi ee-EMDC alandelayo, avulwe kunyaka ophelileyo:

EMDC Metropole South: Brian O’Connell Resource Centre, Mitchells Plain Ifoni 021 370 2084

EMDC West Coast/Winelands Resource Centre, Paarl Ifoni 021 860 1229

EMDC South Cape/Karoo Resource Centre, George Ifoni 044 803 8328

EMDC Breede River/Overberg Resource Centre, Worcester Ifoni 023 348 4657

5. Ziyakhuthazwa ngamandla iintloko zamaziko emfundo ukuba ziqinisekise ngokuba imfuneko yolondolozo lwamanzi igxininiswa mpela kubo bonke abafundi ukususela kwiBakala R ukuya kwiBakala 12.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:14