1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqalisa iphulo lokwazisa uluntu ngamaphepha-ndaba ngo-Oktobha nangoNovemba 2005 ngokuthi lipapashe esi sibhengezo siqhotyoshelweyo ukwenzela ukuba uluntu lonke lwazi ngenzuzo enokufunyanwa ngezipho-mali ezixhuzulelwa irhafu (tax-deductible donations) ezinikwa izikolo zikarhulumente. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukwazisa ngeli phulo ukuze ukwazi ukulungiselela imibuzo enokubuzwa luluntu ngalo mba.
2. Nceda uqhagamshelane noSekela-Mlawuli woLawulo okanye uMcebisi ngoPhuhliso loLawulo oyiNtloko kwi-EMDC yakho ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu.
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:27

Advertisement  (ubukhulu: 60 KB)