1. ISIMEMO

Ngokwenjenje kumenywa bonke abasebenzi abakulawulo lwezikolo namagosa olawulo amaziko emfundo ukuba beze kwiseshoni yengcaciso engolawulo lweemali zesikolo. Le seshoni yengcaciso, neya kuququzelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni, yaqalwa ngumbutho oyi-South African Bursars of Independent Schools Association (SABISA) noya kumelwa yi-Manchester Metropolitan University (MMU), i-National School Leadership College (NSCL) kwakunye ne-Institute of Administrative Management (IAM) evela e-United Kingdom.


2. ISESHONI YENGCACISO
2.1 Njengangoku kwenziwa e-United Kingdom ikhosi yoqeqesho kulawulo lweemali zesikolo eyenzelwa abalawuli beemali zesikolo. Angafumana isatifikethi, idiploma okanye isidanga kulawulo lweemali zesikolo lowo uyigqibile le khosi.
2.2 Kwenziwe amalungiselelo eseshoni yengcaciso ukwenzela ukwazisa le khosi yaseBritane ixeliweyo ngenjongo yokuba kuqaliswe ikhosi evunyiweyo efana nayo apha eMzantsi Afrika.
2.3 Iseshoni yengcaciso iya kubanjelwa eNorthlink College ePlattekloof. I-Standard Bank, iRoyal Foods, iMMU ne-IAM ziya kuzihlawula iindleko zokuqhuba le seshoni, kodwa abo beze ekhosini baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zehambo. Izithuthi ziya kupakwa fele-fele. Ikho indawo yokuhlala eCape Teaching Institute (CTI) kwabo bazileyo nabaya kuhamba umgama ongaphezu kwe-120km ukuya kwindawo yekhosi (jonga kwifom yobhaliso eqhotyoshelweyo).
2.4 Iprogram namaxwebhu engcaciso ziya kufumaneka nge-12 Septemba 2005 xa kubhaliswayo. Iseshoni iya kuqhutywa ngesiNgesi kuphela. Izatifikethi zokubakho kule seshoni ziya kunikwa kuphela abantu ababekho iintsuku zombini ukususela ngo-7:30 ukuya ku-16:45.
2.5 Abezileyo ekhosini baya kwahlulwa babe ngamaqela ngokwamanqanaba olwazi lwabo ngezi zihloko zilandelayo:
  • Ezemali

  • EzaBasebenzi

  • ULawulo lweZinto emaZiqatshelwe ziNgabi yiNgxaki (Risk Management)

  • ULawulo lweziBonelelo

2.6 Kuya kuxoxwa, phakathi kwezinye izinto, ngale miba ilandelayo:
  • Ukuphuculwa kwezakhono zokwenza imisebenzi yemihla ngemihla.

  • Ukuphuculwa kwezona ndlela zibhetele zolawulo lwezikolo

  • Ukusebenzisana nabalawuli beemali zesikolo kwinqanaba likazwelonke okanye lamazwe ngamazwe.

  • Ukukhuthazwa kokuqaliswa kwekhosi evunyiweyo yabalawuli beemali zesikolo.

3. ISICELO SOBHALISO

Zinqongophele iindawo ezikhoyo kwaye izikolo ezifuna ukuza kule seshoni yengcaciso ziya celwa ukuba zifake izicelo ngokukhawuleza ngokuthumela ngefeksi le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo kumlawuli weZiko loPhuhliso noLawulo lweMfundo (EMDC) lakho. Izicelo zivalwa ngo-12:00 ngalo mhla 22 Agasti 2005. Ukuba akufumananga nto ibhaliweyo ikuqinisekisayo nge-1 Septemba 2005, uya kuba sele uthatha ngokuba isicelo sakho asiphumelelanga. Kucelwa uqaphele ukuba izicelo ezinkcukacha zingaphelelanga aziyi kuqwalaselwa kwaye akukho mbalelwano iya kubakho ngokumalunga nezicelo ezifike mva/okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga. Ukuba ukhethiwe, uyacelwa ukuba uze uze kule seshoni neleta engqina ukuba ubhalisiwe. I-EMDC nganye yabelwe iindawo ngolu hlobo:

Kwiseshoni yeNgcaciso: 18
KwiKhosi yeNqanaba eliPhezulu: 2
KwabaQeqeshwayo: 2
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane onke amaqela achaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:12

Registration for accommodation  (ubukhulu: 9 KB)
Registration form  (ubukhulu: 35 KB)