1. Oku kumalunga neSetyhula 0008/2004 (Imigqaliselo yeBhajethi (Budget Prescriptions)).
2. Ngo-Agasti 2005 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqhuba iphulo lokwazisa uluntu ngokuthi likhuphe isaziso esiqhotyoshelweyo kumaphephandaba, ukwenza abazali bazi ngamalungelo abo neemfanelo zabo malunga nentlanganiso yebhajethi yonyaka kwizikolo zikarhulumente. Injongo yale Ngcaciso eMfutshane kukwenza ukuba nihlale nisazi ngeli phulo lokwazisa liza kuqhutywa ukuze nizilungiselele imibuzo enokuvela kubazali ngokumalunga nesi saziso.
3. Kucelwa uncede uqhagamshelane nesekela-mlawuli okanye nomcebisi wezophuculo lolawulo oyintloko kwi-EMDC yakho ukuba unayo nayiphi na imibuzo emalunga noku.
4. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
5. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:28

Advertisement  (ubukhulu: 88 KB)