1. Le Ngcaciso eMfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane DBM 0001/2004 yowe-26 Matshi 2004 engeenkqubo zokungeniswa kweengxelo zekota WCED-043 nokuvunywa kweentlawulo ngokweMigaqo neMigangatho eMiselweyo kunye nezinye iintlawulo.
2. Ukwenzela ukuphucula ulawulo lwangaphakathi ngokumalunga neengxelo zekota WCED-043 nokukhawulezisa iintlawulo ezinxulumene nazo, makulandelwe ezi nkquno zilandelayo licandelo lakho lezolawulo ukususela ngoku.
2.1 Makwenziwe ingxelo esemgangathweni (standardised report) ukurekhoda ukufunyanwa nokuthunyelwa kweengxelo zekota WCED-043 (funda iSihlomelo A). Le ngxelo mayingeniswe qho ngenyanga kwaNdlunkulu kwezi dilesi ze-imeyili zilandelayo: Maggie van Eeden (Mvaneeden@pgwc.gov.za) and Deon Louw (Ddlouw@pgwc.gov.za)
2.2 Ifom yemvume yee-WCED-043 ezivunyiweyo (funda iSihlomelo B), njengoko ikhutshwe neNgcaciso eMfutshane DBM 0001/2004, mayizaliswe zonke iinkcukacha ize isayinwe liSekela Mlawuli lezoLawulo lweBhajethi kwi-EMDC. Makungeniswe iifom zentsusa kuphela kwaNdlunkulu ngaphambi okanye ngemihla ebekiweyo enikwe kwiSihlomelo C.
2.3 Uluhlu olulandelelana ngokwe-alfabhethi lwamagama ezikolo ezintlawulo zazo zivunyiweyo nezifakwe kwibetshi (iSihlomelo D), maluqhotyoshelwe kwibetshi yeemvume ezilolu hlobo engeniswa kwaNdlunkulu.
2.4 Amaxwebhu akhankanywe kwimihlathi 2.2 no-2.3 apha ngasentla makafike kwiSekela Mlawuli lezoLawulo lweBhajethi ngaphambi kwemihla ebekiweyo echaphazelekayo.
3. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-N.S. MITI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:06

Annexure A  (ubukhulu: 5 KB)
Annexure B  (ubukhulu: 22 KB)
Annexure C  (ubukhulu: 5 KB)
Annexure D  (ubukhulu: 20 KB)