1. Ngenxa yeNgcaciso eMfutshane LS 0003/2004 yowe-17 Februwari 2004, kucelwa iinqununu noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo bathathele ingqalelo into yokuba uMongameli weLizwe ubhengeze umhla we-14 Apreli 2004 (usuku lonyulo lukazwelonke) njengosuku oluyiholide kawonke-wonke (iGazethi kaRhulumente 26075 yowe-19 Februwari 2004).
2. Ngokwekhalenda yesikolo esemthethweni ka-2004, izikolo zaseNtshona Koloni bekumele ukuba ziqale ikota yesibini ngowe-14 Apreli 2004, kodwa ngenxa yale holide engolu suku, izikolo ezichaphazelekayo ziya kuvulwa ngoku ngowe-15 Apreli 2004.
3. Ziyacelwa iinqununu noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo ukuba bazise bonke ootitshala, abazali/abagcini babafundi nabafundi okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:10