1. UMongameli weLizwe ubhengeze ukuba unyulo lukazwelonke luya kuba ngowe-14 Apreli 2004. Ukwenzela ukuba ihambe lula le nkqubo, yaye egameni lokukhuthaza idemokhrasi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linokucelwa kwakhona ukuba lincedise ngokuthi lenze abe nokufumaneka amancedo azizakhiwo zemfundo njengamaziko ovoto. Ukuba kucelwa izikolo kunye namanye amaziko emfundo ngokumalunga noku, eli Sebe aliyi kukuchasa konke konke ukwenziwa kwezakhiwo zibe nokufumaneka ukuze zisetyenziselwe le njongo.
2. Nakuba kunjalo kucelwa niqaphele ukuba ukulungiselela umba wokhuseleko lootitshala nabafundi, kwakunye nokukhusela isikolo nenye iprophathi yesikolo kunye nembuyiselo ngenxa yomonakalo, njl. njl., makwenziwe imvumelwano kuqala phakathi kweKhomishoni yoNyulo eZimeleyo (Independent Electoral Commission (IEC)) kunye nelo ziko lichaphazelekayo kwezo meko.
3. Kucelwa kwaziswe onke amabhunga olawulo ezikolo okubhalwe kule ngcaciso ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:17