1. IiIetahedi (letterheads) ezihlaziyiweyo ozithunyelelwayo zibonisa ilogo emalunga nokubhiyozela iminyaka eli-10 yedemokhrasi eMzantsi Afrika yaye ziya kuqala ukusebenza ukususela ngoku kude kuye kutsho kowama-30 Apreli 2005. Emva koko kuya kusetyenziswa iiletahedi zesiqhelo kwakhona.
2. Umzekelo 1 mawusetyenziswe kwiileta zesiqhelo. Imizekelo 2 kuye ku-4 mayisetyenziswe kwiisetyhula. Iiletahedi zoMphathiswa zezokusetyenziswa kuphela yi-Ofisi yoMphathiswa.
3. Mabancede aBalawuli bee-EMDC baqinisekise ukuba abasebenzi bayayifaka kwiikhompyutha zabo le fomathi emva kokuba ifakelwe izilungiso ukuze ibonise iinkcukacha ze-EMDC nganye ngokungqinelana nale migaqo ilandelayo.
4. Imigaqo (guidelines)
4.1 Makungafakwa ezinye iilogo kule letahedi.
4.2 Ulandelelwano lweelwimi kuyo yonke ingcaciso yeletahedi iza kuhlala imi ngolu hlobo isi-Afrikansi, isiNgesi, isiXhosa.
4.3 Igama le-EMDC nedilesi yeposi yayo, mazivele ekupheleni lwephepha elineletahedi. Liphepha lokuqala (1) kuphela emalibe neletahedi kuwo onke amaxwebhu. Idilesi mayinikwe kuphela ngesi-Afrikansi nesiNgesi njengoko oomashini bokufunda iidilesi bePosofisi bekwazi ukufunda ezi lwimi kuphela.
4.4 Okubhalwe ephepheni akuyi kushicileleka ukuba kusondele ngaphezu kwe-1.2 cm ukusuka kumbhalo osekupheleni kwephepha leletahedi.
4.5 Amaphepha alandela iphepha leletahedi aya kuba neenombolo zolandelelwano ngokuzenzekela ukusuka ku-2.
4.6 Umbhalo okwiphepha leletahedi uya kuzilungisa ngokwawo emacaleni ulingane.
4.7 Makufakwe oku kulandelayo kumphezulu ongasekhohlo wephepha leletahedi:
4.7.1 Itayitile, i(i)-initshiyali nefani yomntu emakubhekiswe kuye imibuzo
4.7.2 Inombolo yefoni nenombolo yefeksi yalo mntu ulapha ngasentla
4.7.3 Inombolo yesalathiso yefayili
4.7.4 Inombolo yesalathiso ye-Issue Management System (IMS)
4.8 Makusetyenziswe le fonti Times New Roman (pitch size 8) xa kubhalwa kumhlaba weletahedi emiselweyo. Makusetyenziswe le fonti Arial kwisiqu seleta. Mazingatshintshwa iimajini.
5. Umhla uba ngaphantsi kwegama lesikhundla somntu osayina uxwebhu yaye ubhalwa ngesandla nguloo mntu.
6. Iileta ezivela kwaNdlunkulu zidla ngokusayinwa yiNTLOKO: YESEBE LEMFUNDO okanye egameni layo zize iileta ezivela kwi-EMDC zisayinwe nguMlawuli we-EMDC okanye egameni lakhe.
7. Imigqaliselo ekule ngcaciso imfutshane mayilandelwe ngokuthe ngqo kungatyekwa nakancinane kuyo.
8. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abalapho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
9. Nayiphi na eminye imibuzo ngokumalunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane ingabhekiswa kwaba balandelayo:
Mnu PA Venter - 021 467 2816
Mks ME Erasmus - 021 467 2765


ISAYINWE: NGU-C.J. FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:30


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).