1. Avunyiwe la malungiselelo alandelayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba unyaka wesikolo ka-2004 ufikelela esiphelweni ngendlela enocwangco.
2. UMphathiswa weMfundo kaZwelonke ubhengeze ukuba iziphumo zeMatriki zawo onke amaphondo ziya kwaziswa ngoLwesithathu wama-29 Disemba 2004 aze amajelo eendaba azaziswe ngoLwesine wama-30 Disemba 2004 .
3. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni seligqibile ukuzilungisa iziphumo ngalo mhla, ukumakishwa kwamaphepha eempendulo zabaviwa makuqaliswe ngoLwesithathu we-1 Disemba 2004.
4. Ikota yesine iphela ngoLwesihlanu we-3 Disemba 2004 kubafundi ize iphele ngoLwesithathu we-8 Disemba 2004 kootitshala (funda iSetyhula 05/2004).
5. Njengoko usuku lokugqibela lokuya esikolweni lwabo bonke abafundi bamaBakala R kuye ku-11 inguLwesihlanu we-3 Disemba 2004, uvavanyo lokuphela konyaka olwenziwa sisikolo ngokwaso maluqhutywe ngolu hlobo:
5.1 AmaBakala R kuye ku-7

Ootitshala bamaBakala R kuye ku-7 bangawagqibezela amaxwebhu abo oVavanyo Rhoqo (CASS) kunye neeshedyuli zokupasa kwabafundi kwiveki yokugqibela kaNovemba 2004, njengoko kungekho mfuneko yokuba aba bafundi babhale iimviwo.

5.2 IBakala 8

Iimvavanyo eziyinxalenye yoVavanyo Rhoqo (CASS) kwiBakala 8 mazibhalwe ukususela kuLwesine wesi-4 Novemba 2004 kuye kuLwesibini wama-23 Novemba 2004.

5.3 IBakala 9

ImiSebenzi yoVavanyo eFanayo (CTAs) mayiqhutywe ngolu hlobo lulandelayo:

ICandelo A: NgoMvulo wesi-4 Oktobha kuye kuLwesihlanu wesi-5 Novemba 2004 ngethuba leeyure zesikolo eziqhelekileyo, ukulungiselela iCandelo B

ICandelo B: Ukususela ngoMvulo we-8 Novemba 2004 kuye kuMvulo wama-22 Novemba 2004 ngokwesicwangciso samaxesha okubhala sikazwelonke esakhutshwa ngesetyhula (funda iSetyhula 35/2004).

5.2 AmaBakala 10 no-11

Kwizikolo ezizisekondari iimviwo zingabhalwa ngethuba leentsuku ezili-14 ekulelona thuba lide. Iimviwo zangaphakathi zamaBakala 10 no-11 mazibhalwe ukususela kuLwesine wesi-4 Novemba 2004 kuye kuLwesibini wama-23 Novemba 2004 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba iinkqubo eziyimfuneko zenziwe ngokufanelekileyo nokuba amaxwebhu alungiswa kwangexesha ukulungiselela inkqubo yokumodareyitha nokupasa kwabafundi nekumele yenziwe igqitywe zikomiti zemiba ngemiba yezemfundo ezikwii-EMDC ngoMvulo wesi-6 Disemba 2004. Zonke izicwangciso zamaxesha okubhala iimviwo mazingeniswe kuMlawuli we-EMDC echaphazelekayo ngenjongo yokuba anike imvume yokugqibela.

6. Amalungiselelo oviwo lwabafundi beBakala 12
6.1 UViwo lweMatriki luqala ngoMvulo we-11 Oktobha 2004 luze luphele ngoLwesihlanu wama-19 Novemba 2004 (funda iSetyhula 26/2004).
6.2 Usuku lokugqibela lokuya esikolweni lwabafundi beBakala 12 phambi kokuba kuqale uViwo lweMatriki nguLwesithathu wesi-6 Oktobha 2004. Mayigxininiswe into yokuba abaviwa bahlala bephantsi kolawulo lwesikolo de kuphele uviwo ngowama-19 Novemba 2004.
7. Iinkqubo zoVavanyo Rhoqo (CASS)
7.1 Makugcinwe iiprofayili neephothifoliyo zabafundi zilungele ukungeniswa kwiikomiti zemiba ngemiba yezemfundo ezikwii-EMDC ukulungiselela ukumodareyitha nokupasa kwabafundi ekupheleni konyaka wesikolo.
7.2 Ubungqina bovavanyo nokurekhodwa kwabo zezona zinto ziphambili zijongwayo xa kusenziwa izigqibo malunga nokupasa komfundi ekupheleni konyaka wesikolo.
7.3 Bonke abathathi-nxaxheba mabakuqonde ukubaluleka kokugcinwa kweeprofayili neephothifoliyo zabafundi ezingqiniweyo nezihlaziywa qho, njengoko izizo ezibonisa inkqubela yomfundi ngawo wonke unyaka.
8. Ukhuseleko lwabafundi ekupheleni konyaka
8.1 Ukhuseleko lomfundi ngamnye lusoloko lubaluleke ngokukodwa. Ziyacelwa izikolo ukuba zixoxe ngamanyathelo okhuseleko njengento emayiqwalaselwe kuqala, zikuxoxe oku nabo bonke ootitshala nabasebenzi beziko xa kusenziwa izicwangciso zokuphela konyaka.
8.2 Mabaxelelwe ngesaziso esibhaliweyo abazali babafundi namalungu ebhunga lolawulo ngamalungiselelo okuphela konyaka nangezicwangciso zesikolo zokhuseleko lwabafundi.
8.3 Mabaxelelwe abazali ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo kumalungiselelo kwaye naxa abantwana babo bengalandeli loo malungiselelo kugqitywe kuwo.
8.4 Indima, uxanduva, izigqibo, imithetho neziphumo ezingakho zokungacwangciseli ukhuseleko lwabafundi mazicaciswe gca kubo bonke ootitshala, abazali, abafundi nakwanye abathathi-nxaxheba.
8.5 Bonke abenzi-zinkonzo (service providers) abakwalapho kubahlali, umz. amapolisa ezendlela, amapolisa kamasipala, abo babonelela ngenkonzo yokuthutha abafundi ngezithuthi nabaqhubi beeteksi, mabaxelelwe ngezicwangciso zesikolo zokuphela konyaka ukwenzela ukuba babe nokunika uncedo xa kukho imfuneko yoko.
8.6 Makunikwe imigaqo emayilandelwe yamatheko okuphela konyaka kwaye bonke abafundi mabaxelelwe ngayo yonke imiba yokhuseleko nokuba noxanduva ukwenzela ukuba bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:07