Ngokungqinelanayo neVeki yeZizwe ngeZizwe yoKwazisa ngokuSetyenziswa kakuBi kweZiyobisi (International Drug Awareness Day) ngomhla wa-26 Juni 2004, ithuba elisusela kowama-21 ukuya kowama-26 Juni libhengezwe njengeVeki yoKwazisa ngokuSetyenziswa kakubi kweZiyobisi. Ngenxa yeziphumo ezibi ezinokuthi zidalwe lusetyenziso kakubi lweziyobisi kubafundi bethu, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lilixhasa ngokupheleleyo eli nyathelo.

Fumana la maxwebhu ancanyathiselweyo alandelayo, anokuthi akuncede ekucwangciseni iziganeko nemisebenzi yokulwa ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi kwizikolo zenu:

  • Ileta evela kuMphathiswa weMfundo wePhondo, uCameron Dugmore, ebongoza ukusetyenziswa kweendlela-ndlela zongenelelo lokunceda ukuthintela ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi kwiPhondo leNtshona Koloni

  • Ibrowusha yengcaciso ngosetyenziso kakubi lweziyobisi, elungiswe ngaBecandelo loKhuseleko lweZikolo (Safe Schools Division)

  • Iiprogram ezicetyiswayo ezingqamene neeprogram zezifundo, eziqulunqwe ngaBecandelo: LoPhuhliso lweKharityhulam

Ukhuthazwa ngokukodwa ukuba unikeze ubuncinane ngeyure evekini kwisihloko esiphathelele ekusetyenzisweni kakubi kweziyobisi, iziphumo zazo ezonakalisayo kwimpilo yabantu ngabanye neziphumo zoko kuluntu jikelele.



ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:18

Letter from the Minister  (ubukhulu: 28 KB)
Information Brochure  (ubukhulu: 40 KB)
Lesson Plans: Foundation Phase  (ubukhulu: 20 KB)
Lesson Plans: Intermediate Phase  (ubukhulu: 26 KB)
Lesson Plans: Senior Phase  (ubukhulu: 22 KB)
Lesson Plans: Grade 10  (ubukhulu: 29 KB)