1. |
INgqungquthela yeHlabathi yesi-7 yeManyano yeeNqununu zaMazwe ngaMazwe (The 7th World Convention of the International Confederation of Principals (ICP)) iya kubanjelwa eKapa apha Cape Town International Convention Centre, eliziko elimi endaweni efikeleleka ngokulula kwiindawo zokuhlala nakumancedo ezothutho, ukususela ngeCawa yowe-10 kuJulayi kuye kutsho ngoLwesine we-14 Julayi 2005, neyeyokuqala ngqa ukuba ibe kwizwekazi i-Afrika. |
2. |
Umxholo wale Ngqungquthela 2005 ICP, oxhaswa ngokupheleleyo siSixeko saseKapa, liCandelo lezoKhenketho laseMzantsi Afrika naliSele leMfundo likazwelonke, uthi Ubuntu (Ukubonisa ubuntu kwabanye) - Ukuba noBuntu kwabanye, kuLuntu nokuba neNkathalo. |
3. |
Le Ngqungquthela ebakho qho kwisithuba seminyaka emibini inika ithuba iinqununu ukuba zixoxe ngemicimbi ezichaphazela ngokufanayo, umz. imingeni yokufundisa abafundi benkulungwane ye-21, ukukhuthaza ukuziphuhlisa kootitshala bavelise iziphiwo zabo ngokupheleleyo, nokuvelisa iindlela ezintsha zokusingatha iimfuno ezintsha zezepolitiki, ezowiso-mithetho nezentlalo noqoqosho ezifunwa ezikolweni. |
4. |
Kuya kwenziwa iintetho ngeentetho ezahlukeneyo kufundwe namaxwebhu anezihloko ezinxulumene nomxholo zizithethi zembeko ngamathuba eeseshoni ezibanisa wonke umntu, zeesimpoziyam, zeesemina yaye kuya kubakho noomasifundisane abaza kwenziwa ngamathuba okuthath’ ikhefu. |
5. |
Phakathi kwezithethi zembeko kuya kubakho uMongameli Thabo Mbeki, uBhishophu oMkhulu uDesmond Tutu, uNks Naledi Pandor, uNksk Graca Machel, uMnu Pieter-Dirk Uys, uMnu Mark Shuttleworth, uProfesa Louise Stoll (iNtloko ye-Professional Learning, University of Bath, UK), uMongameli Mary Robinson (owayesakuba nguMongameli wase-Ireland), uGqr Barry McGaw (uMlawuli wezemfundo eParis, eFransi) kunye nalo Baroness Helena Kennedy (uSihlalo weBritish Council, UK). |
6. |
Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngokumalunga neprogram yengqungquthela, ubhaliso neendleko, kucelwa uye kwiziko lewebhu le-ICP apha http://www.icp2005.com okanye uthumele i-imeyili kulo aengelb@pgwc.gov.za (Amanda Engelbrecht).
|
7. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linike inkxaso yalo kule ngqungquthela yaye likhuthaza iinqununu zezikolo ezininzi kangangoko kunokwenzeka ukuba zithathe inxaxheba ukuze zibe nokwakha amakhonkco oqhagamshelwano nabalingane bazo kwihlabathi liphela. |
ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:12:02
|