1. Seyiphunyezwa iNkqubo yoLawulo loMgangatho eBanzi (Integrated Quality Management System (IQMS)) elungiselelwe ootitshala abasezikolweni. Kweli nqanaba, kufuneka utitshala ngamnye abe sele enayo ikopi yakhe yesixhobo sokunika inkxaso, eyathunyelwa nge-imeyili ezikolweni, yaye kumele ukuba seyisekiwe nekomiti yophuhliso lwabasebenzi (staff development team) (SDT) kuzo zonke izikolo.
2. Iinqununu, ngoncedo lweeSDT ezisandula kusekwa, maziqinisekise ukuba ootitshala balusayinile uluhlu lootitshala ukubonisa ukuba bazifumene izixhobo zokunika inkxaso kwizifundo bekwangqina nokuba babekho kwiseshoni yoqeqesho kwi-IQMS.Oku ngumsebenzi wolawulo obalulekileyo owenziwa ngokweSigqibo 8 sowe-2003 ukuqinisekisa ukuba utitshala ngamnye unayo ikopi yesixhobo sokunika inkxaso kwizifundo yaye wayekho kwiseshoni yoqeqesho kwi-IQMS.
3. Sele kusenziwa ukuhlawulwa kwemali ngoomatshini (electronic fund transfers (EFT)) yaye izikolo ezininzi sezizifumene iintlawulo zazo. Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu ukuba eyona njongo ephambili ye-EFT kukuhlawula iindleko zokuprinta neendleko ezingephi zokubonelelwa kwabantu ngento etyiwayo. Iinqununu ezinqwenela ukufaka imibuzo malunga ne-EFT yokulungiselela uqeqesho kwi-IQMS zingaqhagamshelana nee-EMDC kumacandelo azo olawulo ukutshekisha iiNtlawulo ezeNziwa ngeKhompyutha (Basic Accounting System (BAS)) ukuba ngaba sezifakiwe na ezo mali okanye azikafakwa.
4. Iinqununu neeSDT mazithumele iinkcukacha zabo titshala bangakwazanga ukuya kwiiseshoni zoqeqesho kwi-IQMS ngokuthi zizidlulisele kumphathi wesekethe noya kuzidlulisela kumququzeleli we-IQMS kwi-EMDC leyo. ICandelo loPhuhliso lwaBasebenzi liza kuqhuba iiseshoni zoqeqesho kwi-IQMS ukulungiselela aba titshala. Emva kokuphethwa kwezi seshoni, bonke abo titshala baye baphoswa luqeqesho lokugqibela kwi-IQMS kofuneka baqeqeshwe ziiSDT zabo njengoko kucacisiwe kwisiSigqibo 8 sowe-2003.
5. Fumana oku kulandelayo nokuqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane:
(a) Uluhlu lokutshekitsha oluya kuzaliswa yinqununu kunye neSDT ukubonisa inqanaba lenkqubela-phambili eseyenziwe ngokumalunga nokuphunyezwa kwale nkqubo. Olu luhlu lokutshekisha maluthunyelwe ngefeksi okanye nge-imeyili kumphathi wesekethe wakho phambi okanye ngomhla we-19 Novemba 2004.
(b) ISicwangciso soLawulo sokuphunyezwa komjikelo wokuqala wonyaka.

Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:04

Uluhlu lokutshekitsha  (ubukhulu: 15 KB)
ISicwangciso soLawulo  (ubukhulu: 13 KB)