1. Ngenxa yokuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni linenyameko ngakubaqeshwa balo liye lenza amalungiselelo eProgram engeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Wellness Programme) EWP)) ukwenzela ukunika abaqeshwa balo abaxabisekileyo inkxaso nengcebiso efunekayo yokujongana nemingeni yobomi namathuba avelayo ebomini. Kukho ngoku inkonzo yokufumana ingcebiso ngefoni engahlawulelwayo eyenziwa ngabaniki-ngcebiso abaqeqeshiweyo iiyure ezingama-24 ngosuku neentsuku ezisi-7 ngeveki.
2. Kumaxesha ngamaxesha ngamnye umntu uyalufuna uncedo lokujongana nemingeni yobomi namathuba avelayo ebomini. I-EWP ikho ukuze ikuncede ukuba ufikelele kwelona nqanaba liphezulu lentsebenzo yaye ikubonelela ngethuba lokusombulula imiba emininzi emalunga nawe buqu nenxulumene nomsebenzi. Ukuba ufuna ukuphila qete ukongeza kwizakhono zakho zesiqhelo zokujongana nale miba, i-EWP ingasisisombululo.
3. Xa iingxaki zasekhaya okanye zasemsebenzini zikongamela, ungafumana uncedo oluyimfihlo ngokufonela kule nombolo 0800 20 44 81
4. Le flaya iqhotyoshelweyo inika zonke iinkcukacha ngale program.
5. Le nkonzo yenziwa ngu-THE CAREWAYS GROUP, umboneleli-nkonzo wangaphandle oqeshwe ngemvumelwano liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
6. Uyacelwa ukuba wazise bonke abaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni abaphantsi kolawulo lwakho ngokubaluleka kwenkxaso enikwa yile program.


ISAYINWE: NGU-M. CRONJé
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:23

La Flaya  (ubukhulu: 16 KB)