1. Njengangoku kuphunyezwa iNkqubo eBanzi yoLawulo loMgangatho (Integrated Quality Management System (IQMS)) elungiselelwe ootitshala abasezikolweni. Ukuza kuthi ga ngoku kumele ukuba inqununu notitshala omnye okwisithuba senqanaba 1 wesikolo ngasinye sebefumene ulwazi kwiseshoni enye yokunika ingcaciso yaye sele beseke iKomiti yoPhuhliso looTitshala (Staff Development Team) (SDT) kwizikolo abakuzo.
2. Ukungqinelana nokucaciswe kwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 8/2003 (Collective Agreement 8/2003), ababoneleli-zinkonzo (service providers) baza kunika uqeqesho olupheleleyo kubo bonke ootitshala kwiphondo lonke kwikhosi eprogram yayo iziveki ezi-5 kwikota yesithathu. Baza kuqhuba iseshoni yoqeqesho yeeyure ezi-3½ ukususela kwintsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:30 kwisikolo ngasinye. Kwimeko yezikolo ezincinane kuya kudityaniswa phantse ootitshala abayi-50 bezikolo ngezikolo.
3. Kolu xwebhu kuqhotyoshelwe ezi zinto zilandelayo:
3.1 Uxwebhu oluthathwe kwikhompyutha olubhalwe izinto ezifunekayo kuqeqesho. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ngamnye utitshala unikwa ikopi yalo. Ukuhlawula iindleko zokuprinta nezokwenza amalungiselelo okutya angebanzi, kuya kuthunyelelwa izikolo imali eya kufakwa kwikhompyutha (electronic fund transfer). Njengoko uqeqesho lusenzelwa kwalapho, akukho zindleko zohambo ziya kuhlawulwa.
3.2 Uxwebhu lwe-Powerpoint ukunceda izikolo ukulungiselela ukuphunyezwa ngokupheleleyo kwe-IQMS.
4. Izikolo ziya kunikwa imihla yokuphethwa kovavanyo lokugqibela kwakubanje kucacisiwe nguzwelonke ngokumalunga neeshedyuli. Nakuba kunjalo, okwangoku izikolo maziqinisekise ukuba agqityiwe onke amalungiselelo. Qaphelani ukuba ukugqitywa kovavanyo lokwandlalela yeyona thagethi esijonge kuyo ngoku nemayifikelelwe ngabo bonke ootitshala.
5. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abo bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:30

kwikhompyutha olubhalwe izinto ezifunekayo kuqeqesho  (ubukhulu: 219 KB)
IQMS in a nutshell  (ubukhulu: 141 KB) - "Acrobat" version of the English Powerpoint presentation for immediate viewing

Download the isiXhosa version of the Powerpoint presentation (as a "zipped" file for saving / later viewing):

USHWANKATHE-LO LWE-IQMS  (ubukhulu: 36 KB) - lwe-Powerpoint ukunceda