1. Ziyafumaneka iibhasari zokwenza izifundo ngokungesosigxina zonyaka wezifundo u-2005 kwaba balandelayo:
  • Kubasebenzi beNkonzo kaRhulumente (abangengabo ootitshala) abakwiSebe leMfundo leNtshona Koloni abenza izifundo/abaza kwenza izifundo ngokungesosigxina (Qaphelani ukuba iibhasari zootitshala abanqwenela ukwenza i-National Professional Diploma in Education (NPDE), okanye i-Advanced Certificates in Education (ACEs) ziya kuxhaswa ngemali evela kweminye imithombo.)

  • Kumagosa aqeshwe ngokusisigxina

  • Kumagosa azanelisayo iimfuno zokwamkelwa kwiziko lemfundo elichaphazelekayo

  • Kumagosa angenayo ibhasari enikwa ngurhulumente okanye nayiphi na ibhasari eyenye

2. Zonke izicelo ziza kuvavanywa ngokuthi kusetyenziswe le milinganiselo ilandelayo:
  • Ukufaneleka kwezifundo eziza kwenziwa ngokumalunga neemfuno zezicwangciso zangoku nezexesha elizayo zeSebe elMfundo leNtshona Koloni

  • Ukufaneleka kwazo neemfuno zecandelo akulo ngokumalunga nezakhono ezithile/ezinqongopheleyo

  • UBulungisa kwezeNgqesho - ngokohlanga, isini nokukhubazeka

  • Iindawo ezisemaphandleni xa zithelekiswa nezo zisezidolophini

  • Ukwenza isicelo okokuqala

  • Ngaba izicelo zangaphambili zaliwa? Ukuba kunjalo, ngaba igosa elo laqhubeka nezifundo lizihlawulela iindleko?

  • Iziqinisekiso zemfundo (Qualifications)

  • Abasele benesidanga sokuqala kuthelekiswe nabo basafundela isidanga sokuqala

  • Ixabiso lesiqinisekiso semfundo kwiSebe eli

  • Ukucwangciswa kwekhondo lomsebenzi (career planning) ngokumalunga namagosa lawo ngamanye

  • Ingcebiso enikwa yisuphavayiza ngokumalunga neemfuno ezizodwa zecandelo (mayiqhotyoshelwe kwisicelo)

  • Ukufumaneka kwemali

3. Kuya kuthathelwa ingqalelo iimfuno zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho (55/1998), (Employment Equity Act (55/1998)), zoMthetho woPhuhliso lweZakhono (97/1998) (Skills Development Act (97/1998)) kunye neminye imithetho nemigaqo-nkqubo echaphazelekayo xa kunikwa ezi bhasari.
4. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezu kweefizi zobhaliso nezokufundiswa, kodwa kwakhona oku akuthethi kuthi ziza kuhlawulwa zonke ezi ndleko. Isixa-mali eso siya kuxhomekeka kwinani lezicelo ezifunyenweyo kunye nemali ekhoyo.
5. Abaqeshwa abanqwenela ukwenza izicelo bacele ibhasari elolu hlobo mabazalise ifom yesicelo sebhasari eqhotyoshelweyo (iikopi zale fom ezifundeka ngokucacileyo zamkelekile) baze bazingenise ukuze zifike kule dilesi ilandelayo ungadlulanga uLwesine wama-30 Septemba 2004:
Head: Education
For attention: Mr JA Smit 
Directorate: Human Resource Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
6. Izicelo zingaziswa ngesandla zize zifakwe ebhokisini ekwifoya yesi sakhiwo seSebe leMfundo, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.
7. Akukho zicelo zifike kade, zingazaliswanga zonke iinkcukacha okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa.
8. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi abalapho bayakwazi okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:30

Application form  (ubukhulu: 34 KB)