1. Kukhuthaza zonke iintloko zamaziko emfundo, iikomiti zolawulo lwezikolo, amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala, abazali kunye nabafundi ukuba batyumbe ootitshala abasenkonzweni nabo bathathe umhlala-phantsi beMathematika kunye/okanye beSayensi kunye/okanye beThekhinoloji ukuba bangenele ukhuphiswano lweBhaso loNyaka lokuWonga uTitshala oGqwesileyo kwiMathematika, kwiSayensi nakwiThekhinoloji.
2. Abaxhasi abaphambili bale program ngaba, nguTelkom Foundation, iSowetan noProtec.
3. Kucelwa nithathele ingqalelo oku kulandelayo malunga nenkqubo yotyumbo:
3.1 Kuqhotyoshelwe apha ifom yotyumbo. (Ziya kwamkelwa iikopi ezifotokotshiweyo). Le fom mayizaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo kungabikho zinto zisalelayo. Amabhaso aza kuwinwa kwiphondo nakuzwelonke aboniswe kwicala elingasemva lale fom yotyumbo.
3.2 Abatyunjwa mabafakwe kolunye lwala mahlelo alandelayo:
(a) Ootitshala abasenkonzweni besiGaba seGET
(b) Ootitshala abasenkonzweni besiGaba seFET
(c) Ootitshala abathathe umhlala-phantsi (Retired educators)
3.3 Imilinganiselo yokukhethwa ekwifom yotyumbo iya kunceda aba batyumbayo ekujongisiseni kakuhle abatyunjwa babo.
3.4 Kufuneka otyunjiweyo angenise iphothifoliyo yakhe namaxwebhu angqina ngaye (testimonials) amabini kuphela xa efikelele kumjikelo wokugqibela wephondo. Isikhokelo esicace gca sokufunwayo kwiphothifoliyo siya kunikwa kwesi sigaba.
3.5 Kuya kulindeleka ukuba abo bafikelele kumjikelo wokugqibela wephondo beze kumasifundisane oququzelelwe ngomnye wabaxhasi ongulo, Shuttleworth Foundation.
3.6 Kuphela ngabawine kula mahlelo: Ootitshala abasenkonzweni besiGaba seFET kunye nooTitshala abathathe umhlala-phantsi abaya kudlulela kumjikelo wokugqibela kazwelonke noya kuba seGoli ngoMatshi 2005.
3.7 Iifom zotyumbo ezizaliswe zonke iinkcukacha nemazibhalwe oku (For attention: Mathematics, Science and Technology Co-ordinators) mazithunyelwe kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko kwi-EMDC yakho ungadlulanga owama-29 Oktobha 2004.
4. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, nceda qhagamshelana nomququzeleli wephondo ongulo, Amanda Engelbrecht, kule nombolo yefoni 021 467 2568 okanye apha e-mayili Amanda Engelbrecht (aengelb@pgwc.gov.za.).
5. Ndingathanda ukuvakalisa inkxaso yam kule program yaye ndicela uncedo lwenu ekufuneni abo bafanele ukutyunjwa.


ISAYINWE: NGU-J.A. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:16