1. ISebe leMfundo likaZwelonke, libambisene neSebe leMfundo leNtshona Koloni, liya kuqhuba uvavanyo lwenkqubo yemfundo kwiSigaba esiPhakathi ukususela kumhla woku-1 ukuya kowama-21 Septemba 2004. Njengoko oku kuya kubandakanya izikolo zaseprayimari, izikolo ezidibeneyo nezikolo zesigaba sabaphakathi ezikulo lonke iPhondo leNtshona Koloni, aya kucelwa amagosa kwii-EMDC zonke ukuba ancedise ekuqokeleleni idatha.
2. Ukhetho lokugqibela lwezikolo luseza kwenziwa liSebe leMfundo likaZwelonke, kodwa sekuqinisekisiwe kwisampula yokuqala ukuba, xa kufumaneka amagosa ali-6 kwi-EMDC nganye ukuphumeza le njongo, isaveyi iya kugqitywa kwiintsuku ezili-12 zesikolo.
3. Ngako oko ke niyacelwa ukuba nikhethe amagosa aya kuncedisa kulo mba ubalulekileyo wovavanyo lwenkqubo yemfundo. Uqeqesho kwinkqubo yokuqokelelwa kwedatha lucwangciselwe ukuba lwenziwe ngomhla we-24 ne-25 Agasti 2004 kuze ukundwendwela izikolo kuqaliswe ngolwesiThathu we-1 Septemba 2004.
4. Kucelwa wazise onke amagosa okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.
5. Imibuzo malunga nokubhalwe kule ngcaciso emfutshane mayibhekiswe kuNks K. Bydell kule nombolo yefoni (021) 467 2571 okanye i-imeyilelwe apha Quality Assurance ( qualass@pgwc.gov.za ).


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:01