Umsebenzi wokufundisa likhondo elinomdla kakhulu nelinika uphuhliso mpela nelithi limanelisa yaye limbuyekeze kakhulu umntu.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni, njengomthathi-nxaxheba kwiphulo lokugaya ootitshala kuzwelonke, linqwenela ukwazisa bonke abafundi abathanda ukusebenza nabantu abatsha nabanothando lokufundisa, ngendima abanokuyidlala njengootitshala ekwakheni isizwe sethu.

Nceda wenze kuthathelwe ingqalelo ezi brosha zihamba kunye nale setyhula ngabo bonke abafundi abakwisigaba sokuthatha izigqibo ngamakhondo omsebenzi abo. Bonke abafundi abanqwenela ukuba ziititshala mabanikwe ingcaciso yokuqhagamshelana namaziko emfundo ephakamileyo akhupha iziqinisekiso zokufundisa ootitshala.

Ndinqwenela ukuthatha eli thuba lokuvakalisa inkxaso yam kweli phulo lokugaya abo bafuna ukuba ngootitshala nokucela uncedo lwakho ekutsaleleni abantu abatsha nabafanelekileyo kulo msebenzi wokufundisa. Ziya kuvuyelwa kakhulu iinzame zakho.



ISAYINWE: NGU-J. SMIT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:25


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).