1. |
INgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (The National Curriculum Statement (NCS) yamaBakala 10 - 12 (Ngokubanzi) (Grades 10 - 12 (General) neNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yeGET (RNCS (GET)) ziza kuqaliswa zize zimana zidlulela kwibakala elilandelayo kwithuba elisusela ku-2006 - 2008. Njengoko uninzi lootitshala abaqeshwe isigxina lineziqinisekiso ezilabalabayo (under-qualified) kwezi zifundo/ nkalo zezifundo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liceba ukwenza uqeqesho kootitshala abamalunga nama-200 ukuphuhlisa ulwazi lwabo nezakhono zoqeqesho kwezi zifundo/nkalo zezifundo. |
2. |
Le khosi ye-ACE iya kufumaneka njengekhosi engenziwa ngokusisigxina (part-time course) ukususela ngoJanuwari 2005 ukuya kuDisemba 2006. Iya kukhokelela kwinqanaba lesi-6 leNQF yaye idibanisa ukufunda ngembalelwano neeseshoni zokuhlohlwa (contact sessions) ngethuba leeholide zezikolo/ngeempela-veki. |
3. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lineebhasari eziya kuhlawula imali yokufunda neyokubhalisa kule program. Ngethuba leeseshoni zokuhlohlwa ootitshala abavela kwiindawo ezisemaphandleni baya kubonelelwa ngendawo yokuhlala kwiihostele ezikumaZiko eMfundo ePhakamileyo ngeendleko zeli Sebe leMfundo. |
4. |
Ootitshala baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zohambo neencwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni. |
5. |
Phantse ngootitshala abangama-200 bebonke abaya kwamkelwa ngo-2005, malunga nama-40 ngesifundo ngasinye/ngenkalo yesifundo nganye. |
6. |
Ngaba titshala balandelayo abafanelekileyo ukufumana iibhasari zezi zifundo:
Ootitshala abasisigxina abaqeshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Kuya kukhethwa kuqala ootitshala abafundisa njengangoku ezi zifundo zichazwe apha ngasentla okanye izifundo/iinkalo zezifundo ezihambelana nazo kumaBakala 10 - 12 okanye ezoBugcisa neNkcubeko kumaBakala 7 - 9.
Ootitshala abanediploma yeminyaka emibini/emithathu
Ootitshala abanesidanga kunye nesiqinisekiso soqeqesho, kodwa bengenasiqinisekiso ngokusesikweni kwezi zifundo/nkalo zezifundo zichazwe apha ngasentla.
|
7. |
Le khosi iya kufikelela kwezi nkalo zilandelayo zeNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke kwiMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (amaBakala 10 - 12) kunye/okanye kwi-RNCS (GET):
Imigaqo ye-NCS/RNCS
Iziphumo zezifundo nemigangatho yovavanyo
Imixholo enika ulwazi ngezifundo novavanyo
Iindlela zokufundisa imfundo ejoliswe kwiziphumo (amacebo abhetele okufunda/okufundisa nawokwenza uvavanyo)
Izakhono zokukhetha izixhobo zokuncedisa ekufundeni, kubandakanywa isoftware yekhompyutha
Izinto eziya kufunwa ngootitshala zokusetyenziswa eklasini
Ukubhalwa kweeprogram zezifundo
|
8. |
Ekuqalweni kwekhosi kuya kulindelela ukuba bonke abathathi-nxaxheba babhale uvavanyo lokujonga umgangatho/lokubonisa apho imfuneko inkulu. Oku kuya kuba yinxalenye yovavanyo oluqhutywa liSebe leMfundo leNtshona Koloni ukujonga ukusebenza kwale khosi. |
9. |
Ootitshala abanqwenela ukwenza izicelo zebhasari mabazalise le fom iqhotyoshelweyo yesicelo (Ziya kwamkelwa iikopi ezifundekayo eziziifotokopi.) baze bayingenise ngeenqununu zabo phambi komhla wama-30 Julayi 2004 kulo:
Head: Education
(Attention Mr J. Smit, Room 8-79, Grand Central Towers)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
|
10. |
Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:11
|