1. Iqela elikhulu lootitshala abaqeshwe ngokusisigxina kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni banoqeqesho olulabalabayo (underqualified) ngokweyona mfuno esezantsi yoqeqesho lootitshala (minimum professional requirement) ukuze babhaliswe kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators (SACE)).
2. I-NPDE yiprogram eyenzelwe ukunika ootitshala abaziqinisekiso zabo njengangoku zikwixabiso eliyiREQV 12 okanye elingaphantsi koku isiqinisekiso esiya kuthi sixatyiswe sibe yiREQV 13, nesiyeyona mfuno esezantsi yokubhaliswa kwiSACE.
3. Ubude bexesha eliqhelekileyo elithathwa yile program yiminyaka emibini yokufunda ngokungesosigxina (part-time study).
4. IYunivesithi yaseNtshona Koloni (University of the Western Cape (UWC)) neTheknikhoni yaseKapa (Cape Technikon (Cape Tech) ziza kwenza le program zize zikhuphe le Diploma.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linika iibhasari, eziya kuhlawula iindleko zale program, kootitshala abanomdla abanqwenela ukuphucula iziqinisekiso zabo.
6. Bayacelwa ootitshala abaneziqinisekiso ezilabalabayo njengangoku ezifakwe kuhlelo lokuba ziZiqinisekiso zeXabiso eliFanelekileyo leMfundo elingu-12 (Relative Educational Qualification Value (REQV) 12 ukuba benze isicelo sale bhasari.
7. Ngo-2004 kuya kwamkelwa abafundi abali-120 bebonke:

30 ootitshala beSigaba seSiseko ne-30 beSigaba esiPhakathi kwiindawo ezisezidolophini

30 ootitshala beSigaba seSiseko ne-30 beSigaba esiPhakathi kwii-EMDC ezisemaphandleni

QAPHELANI: Iiseshoni zokudibana kootitshala abavela kwii-EMDC ezisemaphandleni ziya kuqhutyelwa ePere (Paarl). Ibhasari ayizihlawuli iindleko zohambo.

8. Izifundo ziya kuqala ngoJulayi 2004.
9. Ootitshala abanqwenela ukwenza izicelo zebhasari mabazalise ifom yesicelo encanyathiselweyo. Zamkelekile iifotokopi ukuba zicacile yaye zifundeka kakuhle.
10. Iifom zezicelo ezizaliswe ngokuchanekileyo neziqale zangeniswe kwiinqununu mazifike kulo ulandelayo phambi okanye ngoMvulo, umhla we-21 Juni 2004
Mr J. Smit
Directorate: Human Resource Development
Room 8-79 
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town
8000 
11. Nceda ukwazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.

Iya kuvuyelwa kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.



ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:03

Bursary Application Form  (ubukhulu: 34 KB)