1. IsiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho seSebe leMfundo leNtshona Koloni nesavunywa ngo-2002, sisicwangciso seminyaka emihlanu esibeka iithagethi zobulungisa kwezengqesho emakufikelelwe kuzo ngo-2007. Ukuze kube nokufikelelwa kwezi thagethi, bayacelwa bonke abaphathi bamacandelo ukuba benze uBulungisa kwezeNgqesho inxalenye yesiCwangciso soLawulo lwaBasebenzi samaziko abo yaye baqinisekise ukuba iindlela ezisetyenziswayo ngokumalunga nabasebenzi bawo zingqinelana neenjongo zesi sicwangciso sobulungisa kwezengqesho (EE plan).
2. Ukukunika ingcaciso kuqhotyoshelwe kolu xwebhu iithebhile (tables) ezibonisa iiprofayili zabasebenzi abakhoyo ngoku kunye neethagethi ekujongwe ukufikelelwa kuzo ngokumalunga nootitshala nabasebenzi benkonzo karhulumente kwicandelo le-FET kwiPhondo leNtshona Koloni.
3. Ezi thempleyithi zekhompyutha nizinikiweyo mazisetyenziselwe ukuqulunqa iiprofayili nokubeka iithagethi zabasebenzi abaziititshala nabenkonzo karhulumente abahlawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kumaziko enikuwo. Ezi profayili neethagethi mazingqinelana nesicwangciso sobulungisa kwezengqesho seli Sebe (WCED EE plan) yaye mazisusele kuluntu olusenamandla okusebenza lwePhondo leNtshona Koloni njengoko kubonisiwe kwisensasi ka-2001. Ibhunga lekholeji, njengomqeshi, malilungise nalo esalo isicwangciso sobulungisa kwezengqesho (iiprofayili neethagethi) zabasebenzi abahlawulwa libhunga elo.
4. Ezi profayili neethagethi zikhankanywe apha ngasentla mazingeniswe kwiCandelo lezoPhuhliso lwaBasebenzi ungadlulanga umhla wama-30 Julayi 2004.
5. Bonke abo batyunjelwe ukuqeshwa ezithubeni zomsebenzi kwixesha elizayo baza kubekwa esweni kujongwe iithagethi ezibekelwe iziko le-FET ngalinye.


ISAYINWE: NGU-M. CRONJé
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:08

Numerical Profile & Targets: FET - Public Service Staff  (ubukhulu: 7 KB)
Numerical Profile & Targets: FET - FET Educators  (ubukhulu: 12 KB)

Microsoft EXCEL format: Template: Numerical Targets - Public Service Staff  (ubukhulu: 30 KB)
(to save: right-click and select "Save target as..")